Amaculo 43
43
ICULO XLIII.
1NDIGWEBELE, Tixo! upikise upikiso lwam, ngakuso isizwe esingenabubele: maundikulule endodeni yenkohliso nenkohlakalo. 2Ngokuba enguwe utixo wamandla am: yinina ukuba undilahlile? yinina ukuba ndihambe ndilila ngenxa yokubandezela kwotshaba?
3Mautume ukanyiso lwako nenyaniso yako: mazindikokele zona; mazindizise entabeni yako eyingcwele nasezitabanakeleni zako. 4Kukona ndiya kuza kwisibingelo sikatixo, kutixo oluvuyo lwam olukulukazi; ewe, ndokudumisa ngekinore, Tixo, Tixo wam!
5Kunganina ukuba utobeke, mpefumlo wam? kunganina nokuba ube nesitukutezi pakati kwam? Tembela kutixo; ngokuba ndisaza kubulela kuye, uncedo lwobuso bam, notixo wam.
Currently Selected:
Amaculo 43: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.