Amaculo 39

39
ICULO XXXIX.
Iculo lika‐Davide, liba̔lelwe umhlabeli omkulu, u‐Jedutune.
1NDITE: Ndiya kulumkela indlela zam, ndize ndingoni ngolwimi lwam: ndogcina umlomo wam ngomkala, nxa okohlakeleyo asebusweni bam. 2Ndasidenge ngokuti cwaka, ndati tu nakoko kulungileyo; lwaza usizi lwam lwavuswa. 3Intliziyo yam yaba shushu pakati kwam; ndisacinga watsha umlilo; ndateta ngolwimi lwam. 4Yehova! ndazise isipelo sam, nomlinganiswa wemihla yam, ukuba ungakananina; ndize ndazi ukunqamka kwam. 5Bona ke, imihla yam nyenze njengobubanzi besandla: nexesha lam linjengokungento pambi kwako: ngenyaniso bakokungendawo kupela bonke abantu bemi nje. Sela. 6Ngenyaniso umntu uyahamba njengesitunzi: ngenyaniso bafumana benesitukutezi: uyafumbela indyebo, kanti akamazi oya kuzamkela.
7Kaloku, Nkosi! ndikangela nto nina? Itemba lam likuwe. 8Ndikulule kuzo zonke izigqito zam: ungandenzi isigxekwa segeza. 9Ndibe ndisidenge, andavula umlomo wam; ngokuba kube kusenziwa nguwe. 10Susa isibeto sako kum: ndigqityiwe kukulwa kwesandla sako. 11Nxa uti, ngenxa yenkohlakalo, umluleke umntu ngezohlwayo, uyonakalisa ubuhle bake njengenundu: ngenyaniso bonke abantu bakokungendawo. Sela. 12Yiva umtandazo wam, Yehova! unike indlebe ekukaleni kwam; zungati cwaka ezinyembezini zam; ngokuba ndingowasemzini ndikuwe nje, ndingumpambukeli njengobawo bonke. 13Zundiyeke, ndize ndizomeleze, ndingekemki ukuze ndingabi sabiko.

Currently Selected:

Amaculo 39: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena