Amaculo 31
31
ICULO XXXI.
Iculo lika‐Davide, liba̔lelwe umhlabeli omkulu.
1YEHOVA! nditembile kuwe; mandingezi ndidaniswe: ndikulule ngobulungisa bako. 2Nditobele indlebe yako; ndihlangule kamsinya: yiba lilitye lamandla kum; ube yindlu yenqaba yokundisindisa. 3Ngokuba uliliwa lam nenqaba yam; zuti ngoko, ngenxa yegama lako, undikape, undikokele. 4Ndiku̔pe elutanjeni abandifihlele lona; ngokuba ungamandla am wena. 5Ndiyabekela esandleni sako umoya wam: undikulule, Yehova, Tixo wenyaniso! 6Ndibatiyile abo babeka izinto ezingendawo zobuxoki; kodwa mna ndiyatembela kuyehova. 7Ndiya kuvuya ndigcobe ngobubele bako: ngokuba ububonileyo ubunzima bam; uzazile imbandezelwa zompefumlo wam; 8akundinikelanga esandleni sotshaba: uzimisile inyawo zam endaweni ebanzi.
9Yiba nofefe ngakum, Yehova! ngokuba ndisebunzimeni: iliso lam lonakele ngenkatazo, kwa nomxe̔lo wam nombilini wam. 10Ngokuba ubomi bam bugqityelwe lusizi, neminyaka yam kukugula; amandla am ayapela ngenxa yobubi bam; amatambo am onakele. 11Ngenxa yentshaba zam zonke ndibe ndisigxekwa, nakakulu ke kubamelwane bam, nesoyikeko kwabo bandaziyo: abo bandibonayo pandle bandibaleka. 12Ndilityelwe njengofileyo ongenakukunjulwa; ndinjengesitya esitshabaleleyo. 13Ngokuba ndivile ukuhleba kwabaninzi; ukwoyika bekungamacala onke; nxa bebecebana ngakum, benza ngeqinga lokundihluta ubomi bam. 14Kodwa ndatembela kuwe, Yehova! ndati: Ungutixo wam wena. 15Amaxesha am asesandleni sako; ndikulule esandleni sentshaba zam, nakwabo banditshutshisayo. 16Kanyisa ubuso bako ngasesicakeni sako; ndisindise ngobubele bako. 17Mandingadaniswa, Yehova! ngokuba ndibizele kuwe: mabadaniswe abakohlakeleyo, mabati tu encw̔abeni bona. 18Maitiwe cwaka imilomo exokayo, eteta into elukuni ngakuye olungileyo nger̔atshi nangokudela.
19Hai ubukulu bobubele bako! obo ububekelele abakwoyikayo, obo ubenzele abo batemba kuwe pambi kwonyana boluntu. 20Uya kubafihla endaweni efihlakeleyo yobuko bako kuzo ingcebano zabantu; uya kubazimeza ententeni kuko ukupika kwelwimi. 21Makabongwe uyehova; ngokuba endenzele ububele bake into engummangaliso, njengokungati bendisesixekweni esiyinqaba. 22Ngokuba ndibe ndite ekunxameni kwam: Ndinqanyulwe ebusweni bamehlo ako; kanti ubusiva ilizwi lezikungo zam, ndakulilela kuwe.
23Tandani uyehova, nonke nina bangcwele bake! uyehova elondoloza abanyanisayo nje, epindezela ngokukolisekileyo kowenza nger̔atshi. 24Kalipani, waeya kwomeleza intliziyo yenu, nonke nina nitembela kuyehova!
Currently Selected:
Amaculo 31: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.