NIKELANI KUYEHOVA, nina bakulu! nikelani KUYEHOVA ubungcwalisa namandla. Nikelani KUYEHOVA ubungcwalisa begama lake; bedeshani UYEHOVA ebuhleni bobungcwele. Ilizwi LIKAYEHOVA lipezu kwamanzi; UTIXO wobungcwalisa uyadudumisa; UYEHOVA upezu kwamanzi amaninzi. Ilizwi LIKAYEHOVA linamandla; ilizwi LIKAYEHOVA linobungangamsha. Ilizwi LIKAYEHOVA liyapula isedare; ewe, UYEHOVA uziti viti isedare zase‐Lebanone. Uyazitsibisa njengetole; kwa i‐Lebanone ne‐Siriyone njengetole lenyati. Ilizwi LIKAYEHOVA liyanqika amalangatye omlilo. Ilizwi LIKAYEHOVA liyangcangcazelisa intlango; UYEHOVA uyangcangcazelisa intlango yase‐Kadeshe. Ilizwi LIKAYEHOVA liyapunzisa amaxamakazi, liyawahluba namahlati: kanjalo etempileni yake bonke bakona bayateta ngobungcwalisa bake. UYEHOVA waehleli pezu kwomsinga wamanzi; ewe, UYEHOVA uhleli engukumkani kude kube ngunapakade. UYEHOVA uya kunika abantu bake amandla; UYEHOVA uya kutamsanqelisa abantu bake ngoxolo.
Funda Amaculo 29
Share
Compare All Versions: Amaculo 29:1-11
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos