Amaculo 20

20
ICULO XX.
Iculo lika‐Davide, liba̔lelwe umhlabeli omkulu.
1WANGA uyehova angakupendula ngemini yobunzima: langa igama lotixo ka‐Yakobi lingakubeka enyangweni: 2akutumele uncedo luvela endaweni eyingcwele, akuxase ngokuvela e‐Ziyone; 3akumbule yonke iminikelo yako, nedini lokutshiswa lako alamkele; Sela: 4akunike njengokusentliziyweni yako, nalo lonke icebo lako alizalisekise! 5Sovuyelela ngalo usindiso lwako; somisa ibanile ngegama lotixo wetu. Maaze uyehova azalisekise konke ukucela kwako.
6Kaloku ndiyazi ukuba uyehova uyasindisa umtanjiswa wake; uya kumpendula ezulwini lake eliyingcwele, amncede ngamandla osindiso lwesandla sake sokunene.
7Abanye bancoma inqwelo zokulwa, nabanye amahashe; kodwa tina siya kuncoma igama likayehova, lotixo wetu. 8Bona batobile, bawa; kanti tina sisukile, sapakama. 9Sindisa, Yehova! ukumkani makasipendule, mhlana sibizayo.

Currently Selected:

Amaculo 20: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena