Hai ukutanda kwam umteto wako! kukucinga kwam wona imini yonke. Wena undilumkisile ngemiyalelo yako ngapezu kwentshaba zam; ngokuba kungunapakade ikum. Ndinokuqonda ngapezu kwabafundisi bam bonke; ngokuba izinqi̔nelo zako zikukucinga kwam. Ndinokuqiqa ngapezu kwabadala; ngokuba ndibamba ingxelo zako. Ndinqandile inyawo zam kuzo zonke indlela ezingalungileyo, ukuze ndigcine ilizwi lako. Andimkanga kuzo izigwebo zako; ngokuba wena undifundisile. Hai ukuba mnandi kwamazwi ako kwikuhlangubo lam! ngapezu kwabo ubusi kumlomo wam! Ngazo ingxelo zako ndiyazuza ingqondo: ngako ndiyatiya zonke indlela zobuxoki. Ilizwi lako lisisibane ngasezinyaweni zam, nesikanyiso ngasendleleni yam. Ndifungile, ndandiya kuqinisa, ukuba ndogcina izigwebo zako ezilungileyo. Ndibulawa kakulu: ndipilise, YEHOVA! njengokwelizwi lako. Uz’ uti ke, YEHOVA! uyibuke iminikelo yesisa yomlomo wam, undifundise izigwebo zako. Ubomi bam busesandleni sam futi: umteto wako andiwulibali noko. Abakohlakeleyo bandibekele umgibe: andilahlekene nengxelo zako noko. Nditabatile izinqi̔nelo zako zibe lilifa lam kude kube ngunapakade; ngokuba ziluvuyiso lwentliziyo yam. Nditobele intliziyo yam ukwenza imimiso yako ngamaxesha onke, kude kube sekupeleni.
Funda Amaculo 119
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: Amaculo 119:97-112
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo