Amaculo 119:33-48

Amaculo 119:33-48 XHO1902A

Ndifundise indlela yemimiso yako, YEHOVA! ndandiya kuyibamba kude kube sekupeleni. Ndiqondise, ndandiya kubamba umteto wako, ndiwugcine ngentliziyo yonke. Ndikokele endleleni yemiyalelo yako; ngokuba ndikolisiwe yiyo. Tobela intliziyo yam ezinqi̔nelweni zako, kungabi kuyo inzuzo ekohlakeleyo. Dlulisa amehlo am angaboni okungendawo: ndipilise endleleni yako. Qinisa ilizwi lako esicakeni sako, esisekwoyikeni wena. Dlulisa ukugxekwa kwam endikwoyikayo: ngokuba izigwebo zako zilungile. Kangela, ndikanukile ingxelo zako: ndipilise ngobulungisa bako. Kanjalo ububele bako mabuze kum, YEHOVA! kwa usindiso lwako, njengokwelizwi lako. Kukona ndiya kuba nokupendula ondigxekayo: ngokuba nditemba ilizwi lako. Uze ungalihluti kanye emlonyeni wam ilizwi lenyaniso; ngokuba nditembele kuzo izigwebo zako. Kukona ndiya kugcina umteto wako futi, kude kube ngunapakade kanapakade. Ndandiya kuhamba ndikululekile: ngokuba ndizifuna ingxelo zako. Ndoteta ngezinqi̔nelo zako nasebusweni babo okumkani, ndandingayi kudana. Kanjalo ndoziyolisa emiyalelweni yako, endiyitandileyo. Nezandla zam ndozipakamisela kuyo imiyalelo yako, endiyitandileyo; ndandiya kucinga imimiso yako.