Amaculo 110
110
ICULO CX.
Iculo lika‐Davide.
1WATI uyehova kwinkosi yam: Hlala ngasekunene kum, ndide ndenze intshaba zako zibe sisitulo senyawo zako. 2Intonga yamandla ako woyituma uyehova ivela e‐Ziyone, esiti: Pata wena pakati kwentshaba zako. 3Abantu bako boba nokuvuma ngomhla wobukosi bako, ebuhleni bobungcwele: kwa sesizalweni sokusa kwobako kuwe umbete wobutsha bako.
4 Uyehova ufungile, akayi kuguquka: ungumperisite kude kube ngunapakade ngesiko lika‐Makizedeki. 5Inkosi ngasekunene kwako iya kulimaza okumkani ngomhla wengqumbo yayo. 6Iya kugweba pakati kwabaheyideni, iya kuzalisa umhlaba ngezidumbu; iya kulimaza abayintloko pezu kwelizwe elikulu. 7Kwa semtonjeni iya kusela endleleni; kukona iya kupakamisa intloko.
Currently Selected:
Amaculo 110: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.