Amaculo 107

107
ICULO CVII.
1BULELANI kuyehova, ngokuba elungile; ngokuba ububele bake bungunapakade. 2Mabatsho abakululwa bakayehova, owabakulula esandleni sotshaba; 3wababuta emazweni, empumalanga nasentshonalanga, enode nasesuyide.
4Badungudela entlango, endleleni ebugxwayiba; abafumananga sixeko sokuhlala. 5Bati, belambile benxaniwe, umpefumlo wabo wawa pakati kwabo. 6Bandula balilela kuyehova ebunzimeni babo; wabahlangula ekuxinezekeni kwabo. 7Waza wabakokela ngendlela elungileyo, ukuze baye esixekweni sokuhlala. 8Makubulelwe kuyehova ububele bake nemimangaliso yake konyana babantu! 9Ngokuba ekolisa umpefumlo okanukayo; nompefumlo olambileyo uyawuzalisa ngokulungileyo.
10Abo bahleli ebumnyameni nasesitunzini sokufa, benxityiwe ngembandezelo nangentsimbi; 11ngokuba bebevukele amazwi katixo, badela icebo lopezu kwonke: 12ngako watobisa intliziyo yabo ngendiniso; baku̔beka, kungeko mncedi. 13Bandula balilela kuyehova ebunzimeni babo; wabasindisa ekuxinezekeni kwabo. 14Wabaku̔pa ebumnyameni nasesitunzini sokufa, waqaula izinxibo zabo. 15Makubulelwe kuyehova ububele bake nemimangaliso yake konyana babantu! 16Ngokuba eqekezile ingcango zexina, wanqamla kubini imivalo yasincete.
17Abazidenge ngenxa yokugqita kwabo, nangenxa yenkohlakalo zabo, bayabandezelwa. 18Umpefumlo wabo utiyana nako konke ukudla, basondele emasangweni okufa. 19Bandule balilele kuyehova ebunzimeni babo; uyabasindisa ekuxinezekeni kwabo. 20Uyatuma ilizwi lake, abapilise, abakulule ekwonakaleni kwabo. 21Makubulelwe kuyehova ububele bake nemimangaliso yake konyana babantu! 22Makunikelwe iminikelo yombulelo, kushunyayelwe imisebenzi yake ngomgcobo!
23Abo behlela elwandle ezinqanaweni, abenzayo umsebenzi emanzini amakulu; 24bona bayabona imisebenzi kayehova, nemimangaliso yake enzulwini. 25Uti akuteta, avuse umoya woqwitela, opakamisayo amaza alo. 26Bayanyukela ezulwini, babuye behlele ezinzulwini: umpefumlo wabo uyanyibilika ngesitukutezi. 27Banesizunguzane, begexa njengonxilayo; bonke ubulumko babo bucitekile. 28Bandule balilele kuyehova ebunzimeni babo, aze abaku̔pe ekuxinezekeni kwabo. 29Uyenza uqwitela luzole, ukuze amaza alo ati cwaka. 30Bandule bavuye, ngokuba edambile; kwa njalo uyabakapela ecwebeni lokunqwenela kwabo. 31Makubulelwe kuyehova ububele bake nemimangaliso yake konyana babantu! 32Makapakanyiswe entlanganisweni yabantu, adunyiswe esihlelweni sabadala!
33Uyaguqula imilambo ibe yintlango, namatende amanzi abe yindawo eyomileyo; 34ilizwe elicu̔mayo libe lelityuwaṙa, ngenxa yenkohlakalo yabemiyo kulo. 35Uyaguqula intlango ibe licibi, nelizwe elomileyo libe ngamatende amanzi: 36ahlalise kona abalambileyo, ize bamise isixeko sokuhlala; 37bahlwayele amasimi, batyale izitiya zemiti yeveyine, ezivelisa iziqa̔mo zokwanda. 38Uyabatamsanqelisa ke, bade bandiswe kakulu; nenkomo zabo akazincipisi. 39Kanjalo, bayancitshiswa, batotywe, ngoncinezelo, nobubi, nosizi. 40Uyapalaza udelo pezu kwazo inkosi, azidungudelise ebugxwayibeni kungeko ndlela. 41Kodwa osweleyo uyampakamisa pezulu kuyo imbandezelo, enze izizalwane njengomhlambi. 42Abalungileyo bobona, bavuye; iti inkohlakalo yonke ivingce umlomo wayo.
43Osukuba elumkile, nosukuba eya kunakana ezizinto, kwa bona baya kuqonda izibele zikayehova.

Currently Selected:

Amaculo 107: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena