Amaculo 101
101
ICULO CI.
Iculo lika‐Davide.
1NDOVUMA ngobubele nangobugwebo; kwa kuwe, Yehova! ndiya kucula. 2Ndowenza ngobulumko endleleni elungileyo. Woza ninina kum? Ndohamba ngobunene bentliziyo yam pakati kwendlu yam. 3Into yobunginingini andiyi kuyibeka pambi kwamehlo am: ukwenza kwabapambukayo ndiyakutiya; akuyi kunamatela kum. 4Intliziyo egwenxa iya kumka kum; okohlakeleyo andiyi kumazi. 5Ohleba ummelwane wake ngasese, oyena ndiya kumtshabalalisa; omehlo ar̔atshileyo nontliziyo ikukumeleyo, lowo andiyi kumvuma. 6Amehlo am oba pezu kwabanyanisekileyo belizwe, ukuze bahlale nam; ohamba endleleni elungileyo, nguye oya kundikonza. 7Owenza ngenkohliso akayi kuhlala pakati kwendlu yam; oteta ubuxoki akayi kuma pambi kwamehlo am. 8Kwa kusasa ndotshabalalisa bonke abakohlakeleyo belizwe; ndize ndinqamle bonke abenzi bokungalungileyo esixekweni sikayehova.
Currently Selected:
Amaculo 101: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
![None](/_next/image?url=https%3A%2F%2Fimageproxy.youversionapi.com%2F58%2Fhttps%3A%2F%2Fweb-assets.youversion.com%2Fapp-icons%2Fxh.png&w=128&q=75)
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.