Imizekeliso 3
3
1NYANA wam! umteto wam ungawulibali; intliziyo yako mayibambe imiyalelo yam: 2ngokuba iya kukwongezela ubude bemihla, neminyaka yobomi, noxolo. 3Ububele nenyaniso mazingahlukani nawe; zinxibe entanyeni yako; ziba̔le ecwecweni lentliziyo yako; 4wauya kufumana ufefe nenyweba elungileyo, emehlweni katixo nabantu.
5Tembela kutixo ngayo yonke intliziyo yako, ungayami kokwako ukuqonda. 6Umvume yena kuzo zonke indlela zako, waeya kulungisa izihambo zako. 7Ungabi ulumkile kwawako amehlo; yoyika uyehova, upambuke enkohlakalweni. 8Kwoba kukupila enkatyeni yako, nokunyakama ematanjeni ako.
9Beka uyehova ngemfuyo yako, nangolibo lwenzuzo yako yonke; 10zize inyango zako zizaliswe buninzi, nezincinezelo zako zipupume yiveyine entsha.
11Nyana wam! ukululeka kukayehova ungakudeli; nokwohlwaya kwake ungakutiyi: 12ngokuba lowo amtandayo, uyehova emohlwaya; kwa njengokuba uyise emohlwaya unyana amkolelayo.
13HAI itamsanqa lomntu ofumanayo ubulumko, nelomntu ozuzayo ingqondo! 14Ngokuba intengo yabo ilungile pezu kwentengo yesilivere, nenzuzo yabo pezu kwegolide. 15Bunqabile bona pezu kwerubi; kanjako zonke izinto zako ezinqwenelekayo azingelingane nabo. 16Ubude bemihla busesandleni sabo sokunene; kwesokohlo sabo kuko ubutyebi nodumo. 17Indlela zabo zindlela zoyolo, nayo yonke imizila yabo iluxolo. 18Bungumti wobomi kwababambelelayo kubo; unetamsanqa ke obubambayo.
19 Uyehova umisile umhlaba ngobulumko; uqinisile amazulu ngengqondo. 20Ngokwazi kwake inzulu zacandeka, ati amafu atontsele umbete.
21Nyana wam! mazingalahlekani namehlo ako ezizinto; bamba ubucebo nentelekeleliso. 22Zoba bubomi ke empefumlweni wako, nobuhle entanyeni yako. 23Uya kwandul’ ukuhamba ngokunqaba endleleni yako, luti unyawo lwako lungaku̔beki. 24Nxa ulala pantsi, akuyi kwoyika: ewe, wakulala pantsi, boba bumnandi ke ubutongo bako. 25Ungoyiki isituso esibaqayo, kwa nentshabalaliso yabakohlakeleyo yakufika. 26Ngokuba uyehova eya kuba litemba lako, oya kugcina unyawo lwako lungabijelwa.
27UNGABAMBI okulungileyo kwabo kulunge kubo, kwakuba kusemandleni esandla sako ukukwenza. 28Musa ukuti kummelwane wako: Hamba, ubuye uze, ndiya kunika ngomso; nxa kukoyo kuwe.
29Ungaqingeli ummelwane wako ububi, nxa ahleli ngokunqaba ngakuwe. 30Musa ukupika nomntu kungeko tuba, nxa angakwenzanga nto. 31Ungabi namona pezu kwomntu osisidlwengu; uze ungaqashi nanye yendlela zake. 32Ngokuba onokanda eyintshontsho kuyehova; kodwa ubukolwane bake bunabalungisayo. 33Isiqalekiso sikayehova sisendlwini yokohlakeleyo; kodwa ikaya labalungileyo uyalitamsanqela. 34Okunene abagxeki uyabagxeka; kanti abalulamileyo uyabapa ufefe. 35Amalumko aya kulidla ilifa lobungcwalisa; kodwa amageza aya kulamkela ihlazo.
Currently Selected:
Imizekeliso 3: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.