Imizekeliso 20

20
1IVEYINE ingumgxeki, noselo olunamandla luyadlongoza; nosukuba eyoba ngalo akalumkile.
2Isoyikeko sokumkani sinjengokuvungama kwengonyama entsha; omqumbisayo uyawona owake umpefumlo.
3Ukuyeka ipike bubungewalisa emntwini; kodwa onke amahilihili oba shushu kulo.
4Ngenxa yobusika ivila aliyi kulima; ngako lonqiba ekwindla, kanti akuko nto.
5Icebo entliziyweni yomntu lingamanzi anzulu; kodwa umntu wokuqonda wolir̔ola.
6Abantu abaninzi boshumayela abanye ngabanye obabo ububele; kodwa umntu onyanisekileyo, ngubanina ongamfumanayo?
7Olungileyo uyahamba ngenene yake; banetamsanqa ke abantwana bake emva kwake.
8Ukumkani ohleli pezu kweterone yokugweba, uyacita konke okukohlakeleyo ngamehlo ake.
9Ngubanina ongatshoyo ukuti: Ndicokisile intliziyo yam; ndingewele kuso isono sam?
10Ilitye ngelitye, neyefa ngeyefa, ziyintshontsho ezonto kuyehova kwa zombini.
11Kwa umntwana uyaziwa ngezenzo zake, nokuba ungcwele, nokuba ulungile, umsebenzi wake.
12Indlebe evayo, neliso elibonayo, uyehova uzenzile kwa zombini.
13Ungatandi ubutongo, hleze ungene ebuhlwentshini; vula amehlo ako, uhlutiswe ngesonka.
14Imbi! imbi! utsho otengayo; kanti esakumka, andul’ ukuqa̔yisa.
15Kuko igolide, nento eninzi yerubi; kodwa umlomo wokwazi uyimpahla enqabileyo wona.
16Bamba ingubo yake obambele owasemzini; utabate umbambiso kuye obambele abangaziwayo.
17Isonka senkohliso simnandi emntwini; kodwa kamva umlomo wake wozaliswa luhlalutye.
18Amaqinga ayaqiniswa ngecebo; ngako yenza imfazwe ngamaqinga alumkileyo.
19Ohambahamba ehleba, uyatyila amahlebo; ngako ungakolani nalowo uhendayo ngomlomo wake.
20Otukayo uyise nonina, isibane sake socinyelwa ebumnyameni obukulu.
21Imfuyo ingazuzwa msinya ekuqaleni; kanti ukupela kwayo akuyi kutanyusanqelwa.
22Ungatsho ukuti: Ndiya kupindezela ububi; kangela kuyehova, wokusiza yena.
23Amatye ngamatye ayintshontsho kuye uyehova; nesilinganiselo senkohliso asilungile sona.
24Amanyatela omntu angaye uyehova; angati nina ke umntu ukuqonda indlela yake?
25Ngumgibe emntwini ukuba atete okuyingcwele ngokunxama, andule ati, emva kwezibambiso, abuye abuze.
26Ukumkani olumkileyo uyacita abakohlakeleyo, ayijikelise pezu kwabo ivili.
27Umpefumlo womntu usisibane sikayehova, esipengulula zonke indawo zapakati zombilini.
28Ukumkani uyalondolozwa bububele nenyaniso; neterone yake uyayisekela ngobubele.
29Ubungcwalisa bamadodana ngamandla awo; nobuhle bamaxego zizimvi.
30Imivimbo yenxeba iyintlambululo kokohlakeleyo, nezibeto ezifikela indawo zapakati zombilini.

Currently Selected:

Imizekeliso 20: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena