Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Imizekeliso 14:29-33

Imizekeliso 14:29-33 XHO1902A

Oqumba kade unokuqonda okukulu; kodwa oqumba msinya uyapakamisa ubugeza. Intliziyo elulamileyo ibubomi benyama; kodwa umona ukukubola kwamatambo. Obandezelayo ihlwempu, uyamtuka umenzi walo; kodwa uyambeka, owenza ngofefe kosweleyo. Okohlakeleyo uyagxotwa esekukohlakaleni kwake; kodwa olungileyo unetemba ekufeni kwake. Ubulumko buyapumla entliziyweni yonokuqonda; kodwa okupakati kwazo izidenge kuya kwaziwa.