Oqumba kade unokuqonda okukulu; kodwa oqumba msinya uyapakamisa ubugeza. Intliziyo elulamileyo ibubomi benyama; kodwa umona ukukubola kwamatambo. Obandezelayo ihlwempu, uyamtuka umenzi walo; kodwa uyambeka, owenza ngofefe kosweleyo. Okohlakeleyo uyagxotwa esekukohlakaleni kwake; kodwa olungileyo unetemba ekufeni kwake. Ubulumko buyapumla entliziyweni yonokuqonda; kodwa okupakati kwazo izidenge kuya kwaziwa.
Funda Imizekeliso 14
Share
Compare All Versions: Imizekeliso 14:29-33
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos