Imibalo 34

34
1WALEKELA wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 2Yalela usapo luka‐Sirayeli, uti kulo: Xeshekweni ningenayo elizweni le‐Kanane: (eli lilizwe eliya kuwa kuni libe lilifa, ilizwe le‐Kanane kunye nemida yalo:)
3Elasesuyide icala lenu loba sentlango ye‐Tsine, ngasemacaleni ase‐Edome; kanjalo owasesuyide umda wenu woba sesipelweni solwandle olutyuwa ngasempumalanga: 4waye lomda wenu uya kujika apo esuyide uye eqineni lase‐Hakerabime, udlulele ngase‐Tsine; nokupuma kwawo kwoba sesuyide kude kube se‐Kadeshebaneha; wauya kupumela e‐Hatsare‐aradi, udlulele ngase‐Hatsemone; 5wandule ujike umda lowo e‐Hatsemone uye emlanjeni wase‐Jipete; nokupela kwawo kwoba selwandle.
6Nomda wasentshonalanga, noba nolwandle olukulu, nomda wakona: nguwo lo oya kuba ngumda wenu wasentshonalanga.
7Kanjalo nguwo lo oya kuba ngumda wenu wasenode: niqala elwandle olukulu niya kuzibalulela intaba ye‐Hore; 8nitabata entabeni ye‐Hore niya kubalula kude kungenwe e‐Hamati; nokupumela kwalomda kwoba ngase‐Tsedade; 9kwandule kupume lomda uye e‐Ziperone; nokupela kwawo kwoba e‐Hatsare‐henani: nguwo lo oya kuba ngumda wenu wasenode.
10Naniya kuzibalulela umda wasempumalanga uqale e‐Hatsare‐henani uye e‐Shefame; 11waye umda lowo uya kuhla e‐Shefame uye e‐Ribela, ngasempumalanga ye‐Hayine; uya kuhla kanjalo lomda, ufikele ecaleni lolwandle lwase‐Kinerete ngasempumalanga; 12wobuya uhle lomda uye ngase‐Yoredane; nokupela kwawo kwoba selwandle olutyuwa.
Eli loba lilizwe lenu kunye nemida yalo engqongayo.
13Waza u‐Mosesi wayalela usapo luka‐Sirayeli, esiti: Leli ilizwe eniya kwamkela lona libe lilifa ngeqashiso, owaxela uyehova ukuba linikwe kuzo izizwe ezilitoba nesiqingata sesizwe: 14ngokuba isizwe sosapo luka‐Rubene, ngendlu zoyise zalo, nesizwe sosapo luka‐Gadi, ngendlu zoyise zalo, sezamkele zona; kanjalo isiqingata sesizwe sika‐Manase sesamkele ilifa laso: 15izizwe ezibini nesiqingata sesizwe zamkele ilifa lazo nganeno kwe‐Yoredane apa, malungana ne‐Jeriko ngapambili, ngasekupumeni kwelanga.
16Wabuya wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 17Ngawo la amagama awo amadoda aya kwabela kuni ilizwe: ngu‐Elezari umperisite, no‐Yoshuwa unyana ka‐Nune. 18Naniya kutabata inkosi ibe nye ngesiswe ngesizwe, kuze kwabiwe ilizwe. 19Namagama alamadoda ngawo la: eyesizwe sika‐Juda, ngu‐Kalebi unyana ka‐Jefune; 20neyesizwe sosapo luka‐Simone, ngu‐Shemuweli unyana ka‐Hamihude; 21neyesizwe sika‐Benjamine, ngu‐Elidade unyana ka‐Kiselone; 22neyesizwe sosapo luka‐Dane, yinkosi u‐Buki, unyana ka‐Yogeli; 23eyosapo luka‐Josefe, — eyesizwe sosapo luka‐Manase, yinkosi u‐Haniyeli, unyana ka‐Efode; 24neyesizwe sosapo luka‐Frayime, yinkosi u‐Kemuweli, unyana ka‐Shifetane; 25neyesizwe sosapo luka‐Zebulone, yinkosi u‐Elitsafane, unyana ka‐Panaki; 26neyesizwe sosapo luka‐Yisakare, yinkosi u‐Palatiyeli, unyana ka‐Hazane; 27neyesizwe sosapo luka‐Ashere, yinkosi u‐Ahihude, unyana ka‐Shelomi; 28neyesizwe sosapo luka‐Nefatali, yinkosi u‐Pedaheli, unyana ka‐Hamihude.
29Ngaba abo uyehova wabayalela ukuba babele usapo luka‐Sirayeli ilifa, elizweni le‐Kanane.

Currently Selected:

Imibalo 34: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena