Imibalo 1
1
ISAHLUKO I.
1WAYE uyehova wateta ku‐Mosesi, entlango ye‐Sinai, ententeni yentlangano, ngowokuqala umhla wenyanga yesibini, ngomnyaka wesibini emva kwokupuma kwabo elizweni le‐Jipete, esiti: 2Tabatani inani layo yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli, ngezizalwane zalo, ngendlu zoyise zalo, ngombalo wamagama, onke amadoda ngamanye ngamanye; 3engaminyaka imashumi mabini napezulu ubudala bawo, onke apumayo nomkosi kwa‐Sirayeli: lawo niya kuwabala ngemikosi yawo, wena no‐Arone. 4Nakunye nani kwobako indoda ibe nye kwisizwe ngesizwe, indoda eyintloko pezu kwendlu yoyise yayo.
5Ngawo la amagama awo amadoda aya kuma nani; eyesika‐Rubene, ngu‐Elitsure unyana ka‐Shedeyure; 6eyesika‐Simone, ngu‐Shelumiyele unyana ka‐Tsurishadai; 7eyesika‐Juda, ngu‐Nahashone unyana ka‐Haminadabi; 8eyesika‐Yisakare, ngu‐Netaneli unyana ka‐Tsuhare; 9eyesika‐Zebulone, ngu‐Eliyabe unyana ka‐Heloni; 10eyosapo luka‐Josefe, — eyesika‐Frayime, ngu‐Elishama unyana ka‐Hamihude; eyesika‐Manase, ngu‐Gamaliyeli unyana ka‐Pedatsure; 11eyesika‐Benjamine, ngu‐Abidane unyana ka‐Gideyoni; 12eyesika‐Dane, ngu‐Ahihezere unyana ka‐Hamishadai; 13eyesika‐Ashere, ngu‐Pagiyeli unyana ka‐Okerane; 14eyesika‐Gadi, ngu‐Eliyasafa unyana ka‐Dehule; 15eyesika‐Nefatali, ngu‐Ahira unyana ka‐Henani. 16Aba bebengabadumileyo bentlanganiso, inkosi zezizwe zoyise babo; bebezintloko zamawaka akwa‐Sirayeli.
17Baza u‐Mosesi no‐Arone batabata lamadoda abalulwayo ngamagama; 18bahlanganisela ndawonye yonke intlanganiso, ngowokuqala umhla wenyanga yesibini, abati bona bashumayela ukuzalwa kwabo, ngezizalwane zabo, ngendlu zoyise zabo, ngombalo wamagama, bengabaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo, ngabanye ngabanye. 19Njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi, kwa njalo wababala entlango ye‐Sinai.
20Kekaloku onyana baka‐Rubene, owamazibulo ka‐Sirayeli, izizukulwana zabo, ngezizalwane zabo, ngendlu zoyise zabo, ngombalo wamagama, ngabanye ngabanye, bonke abangamadoda aminyaka imashumi mabini napezulu ubudala bawo, bonke abapumayo nomkosi; 21ababalweyo babo, abesizwe sika‐Rubene, bebengamawaka angamashumi mane enesitandatu, anamakulu mahlanu.
22Abonyana baka‐Simone, izizukulwana zabo, ngezizalwane zabo, ngendlu zoyise zabo, ababalweyo babo, ngombalo wamagama, ngabanye ngabanye, bonke abangamadoda aminyaka imashumi mabini napezulu ubudala bawo, bonke abapumayo nomkosi; 23ababalweyo babo, abesizwe sika‐Simone, bebengamawaka angamashumi mahlanu enesitoba, anamakulu matatu.
24Abonyana baka‐Gadi, izizukulwana zabo, ngezizalwane zabo, ngendlu zoyise zabo, ngombalo wamagama, abaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo, bonke abapumayo nomkosi; 25ababalweyo babo, abesizwe sika‐Gadi, bebengamawaka angamashumi mahlanu enesihlanu, anamakulu matandatu enamashumi mahlanu.
26Abonyana baka‐Juda, izizukulwana zabo, ngezizalwane zabo, ngendlu zoyise zabo, ngombalo wamagama, abaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo, bonke abapumayo nomkosi; 27ababalweyo babo, abesizwe sika‐Juda, bebengamawaka angamashumi asixe̔nxe enesine, anamakulu matandatu.
28Abonyana baka‐Yisakare, izizukulwana zabo, ngezizalwane zabo, ngendlu zoyise zabo, ngombalo wamagama, abaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo, bonke abapumayo nomkosi: 29ababalweyo babo, abesizwe sika‐Yisakare, bebengamawaka angamashumi mahlanu enesine, anamakulu mane.
30Abonyana baka‐Zebulone, izizukulwana zabo, ngezizalwane zabo, ngendlu zoyise zabo, ngombalo wamagama, abaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo, bonke abapumayo nomkosi; 31ababalweyo babo, abesizwe sika‐Zebulone, bebengamawaka angamashumi mahlanu enesixe̔nxe, anamakulu mane.
32Abonyana baka‐Josefe:— Abonyana baka‐Frayime, izizukulwana zabo, ngezizalwane zabo, ngendlu zoyise zabo, ngombalo wamagama, abaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo, bonke abapumayo nomkosi: 33ababalweyo babo, abesizwe sika‐Frayime, bebengamawaka angamashumi mane, anamakulu mahlanu:
34Abonyana baka‐Manase, izizukulwana zabo, ngezizalwane zabo, ngendlu zoyise zabo, ngombalo wamagama, abaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo, bonke abapumayo nomkosi; 35ababalweyo babo, abesizwe sika‐Manase, bebengamawaka angamashumi matatu enesibini, anamakulu mabini.
36Abonyana baka‐Benjamine, izizukulwana zabo, ngezizalwane zabo, ngendlu zoyise zabo, ngombalo wamagama, abaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo, bonke abapumayo nomkosi; 37ababalweyo babo, abesizwe sika‐Benjamine, bebengamawaka angamashumi matatu enesihlanu, anamakulu mane.
38Abonyana baka‐Dane, izizukulwana zabo, ngezizalwane zabo, ngendlu zoyise zabo, ngombalo wamagama, abaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo, bonke abapumayo nomkosi; 39ababalweyo babo, abesizwe sika‐Dane, bebengamawaka angamashumi matandatu enesibini, anamakulu asixe̔nxe.
40Abonyana baka‐Ashere, izizukulwana zabo, ngezizalwane zabo, ngendlu zoyise zabo, ngombalo wamagama, abaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo, bonke abapumayo nomkosi; 41ababalweyo babo, abesizwe sika‐Ashere, bebengamawaka angamashumi mane enalinye, anamakulu mahlanu.
42Onyana baka‐Nefatali, izizukulwana zabo, ngezizalwane zabo, ngendlu zoyise zabo, ngombalo wamagama, abaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo, bonke abapumayo nomkosi; 43ababalweyo babo, abesizwe sika‐Nefatali, bebengamawaka angamashumi mahlanu enesitatu, anamakulu mane.
44Aba bangabo babalwayo, abo u‐Mosesi wababalayo, kwa no‐Arone, nenkosi zakwa‐Sirayeli, zingamadoda alishumi linamabini: ezinye ngezinye zazipezu kwendlu zoyise zazo. 45Baye bonke ababalweyo bonyana baka‐Sirayeli, ngendlu zoyise zabo, abaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo, bonke abapumayo nomkosi kwa‐Sirayeli, 46kwa bonke ababalweyo, bebengamawaka angamakulu matandatu enamawaka matatu, anamakulu mahlanu enamashumi akwa mahlanu.
47Kodwa aba‐Levi, ngesizwe soyise babo, bebengabalwa pakati kwabo. 48Ngokuba ebetetile uyehova ku‐Mosesi, esiti: 49Kupela isizwe sika‐Levi akuyi kubala sona, nenani labo akuyi kulitabata pakati kwonyana baka‐Sirayeli. 50Kodwa wena, bamise aba‐Levi pezu kwayo itabanakele yesinqi̔no, napezu kwazo zonke impahla zayo, napezu kwako konke okukokwayo: bona baya kutwala itabanakele, kwa nazo zonke impahla zayo; babeya kukonza kuyo, bati waca ngokungqonga itabanakele. 51Nasekundulukeni kwetabanakele, aba‐Levi boyihlisa; nasekumisweni kwetabanakele, aba‐Levi boyipakamisa; koko owasemzini osondelayo eya kufiswa. 52Lwaye usapo luka‐Sirayeli luya kuti waca, olunye ngolunye ngakulo ibandla lalo, nolunye ngolunye ngakuyo ibanile yalo, ngemikosi yalo. 53Kodwa aba‐Levi baya kuti waca ngokungqonga itabanakele yesinqi̔no, ukuze kungabiko msindo pezu kwentlanganiso yosapo luka‐Sirayeli: boti aba‐Levi kanjalo bagcine isigcinelo setabanakele yesinqi̔no.
54Lwenje njalo usapo luka‐Sirayeli; njengako konke uyehova ebemyalele u‐Mosesi ngako, lwenje njalo ke.
Currently Selected:
Imibalo 1: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.