U‐Nehemiya 10

10
1Kekaloku abo bancamatiselayo: ngu‐Nehemiya, inkosi enkulu, unyana ka‐Hakaliya, no‐Zedekiya, 2u‐Seraya, u‐Hazariya, u‐Jeremiya, 3u‐Pashure, u‐Amariya, u‐Malekiya, 4u‐Hatushe, u‐Shebaniya, u‐Maluke, 5u‐Harime, u‐Meremote, u‐Hobadiya, 6u‐Danyeli, u‐Ginetoni, u‐Baruke, 7u‐Meshulame, u‐Abiya, u‐Miyamine, 8u‐Mahaziya, u‐Biligai, no‐Shemaya: aba ngabaperisite.
9Naba‐Levi: ngu‐Yoshuwa, unyana ka‐Azaniya, u‐Binuwi, konyana baka‐Henadade, u‐Kadimele; 10nabazalwana babo, u‐Shebaniya, u‐Hodiya, u‐Kelita, u‐Pelaya, u‐Hanane, 11u‐Mika, u‐Rehobi, u‐Hashabiya, 12u‐Zakure, u‐Sherebiya, u‐Shebaniya, 13u‐Hodiya, u‐Bani, no‐Beninu.
14Abazintloko zabantu: ngu‐Paroshe, u‐Pahati‐mowabi, u‐Helami, u‐Zatu, u‐Bani, 15u‐Buni, u‐Hazegadi, u‐Bebai, 16u‐Adonija, u‐Bigivai, u‐Hadine, 17u‐Atere, u‐Hezekiya, u‐Hazure, 18u‐Hodiya, u‐Hashume, u‐Betsai, 19u‐Harife, u‐Hanatote, u‐Nebai, 20u‐Magipashe, u‐Meshulame, u‐Hezire, 21u‐Meshezabele, u‐Tsadoki, u‐Yaduwa, 22u‐Pelatiya, u‐Hanane, u‐Hanaya, 23u‐Hosheha, u‐Hananiya, u‐Hashube, 24u‐Haloheshe, u‐Pileha, u‐Shobeke, 25u‐Rehumi, u‐Hashabena, u‐Mahaseya, 26no‐Ahiya, u‐Hanane, u‐Anane, 27u‐Maluke, u‐Harime, no‐Bahana.
28Nesisalela sabantu, abaperisite, aba‐Levi, abalindimnyango, abaculi, aba‐Netini, nabo bonke abebezahlule kubo abantu bamazwe ngenxa yomteto katixo, abafazi babo, onyana babo, nentombi zabo, bonke abebenokwazi nokuqonda, 29babambelela kubo abazalwana babo, imiduna yabo, bangena esiqalekisweni, nasesifungweni, sokuba bahambe ngomteto katixo, obunikwe ngo‐Mosesi isicaka sikatixo, nokuba bayigcine bayenze yonke imiyalelo kayehova, inkosi yetu, nezigwebo zake, nezimiselo zake; 30nokuba singendisi intombi zetu kubo abantu belizwe, nentombi zabo singazitabateli onyana betu; 31nokuba abantu belizwe bakuzisa impahla nento zonke zokutya ngomhla wesabata kutengiswe, singatengi kubo ngesabata, nangomhla oyingcwele; nokuba siwuyeke umnyaka wesixe̔nxe, nawo onke amatyala.
32Kanjako sazimisela imimiso, yokuba kubekwe pezu kwetu esesitatu isiqingata seshekele, ngomnyaka ngomnyaka, ngenxa yenkonzo yayo indlu katixo wetu: 33ngenxa yezonka zokuṙozwa, nomnikelo wokudla ofuti, nangenxa yedini lokutshiswa elifuti, nelesabata, nelenyanga ezitwasileyo, ngenxa yemitendeleko emisiweyo, nangenxa yezinto ezingcwele, nangenxa yedini lesono lokwenzela o‐Sirayeli uxoliso, nangenxa yawo wonke umsebenzi wendlu katixo wetu.
34Saza sawenzela umnikelo wenkuni amaqashiso, abaperisite, naba‐Levi, nabantu, ukuba kuziswe endlwini katixo wetu, ngendlu zoyise zetu, ngamaxesha amiselweyo, umnyaka ngomnyaka, kuze kutshiswe pezu kwesibingelo sikayehova, utixo wetu, njengokuba̔liweyo emtetweni: 35ukuba kanjalo kuziswe ilibo zomhlaba wetu, nelibo zako konke ukuqa̔ma kwemiti yonke, umnyaka ngomnyaka, endlwini kayehova; 36nokuba amazibulo konyana betu, nakwizilo zetu, njengokuba̔liweyo emtetweni, namazibulo enkomo zetu nawegusha zetu, siwazise endlwini katixo wetu, kubaperisite abakonzayo endlwini katixo wetu; 37nokuba isiqalo sentlama yetu, neminikelo yetu, nesiqa̔mo semiti yonke, iveyine entsha, neoli, sizizise kubaperisite, ezinkambilini zendlu katixo wetu, nezishumi zomhlaba wetu kuba‐Levi; ngokuba bona aba‐Levi benikwa izishumi, kuzo zonke izixeko zokulima kwetu. 38Waye umperisite, unyana ka‐Arone, eya kubako naba‐Levi, nxa kunikwa aba‐Levi izishumi; baze aba‐Levi basinyusele isishumi lezishumi ezo endlwini katixo wetu, ezinkambilini zayo indlu yendyebo: 39ngokuba usapo luka‐Sirayeli, nosapo luka‐Levi, luya kuzisa umnikelo wenqolowa, neveyine entsha, neoli, ezinkambilini, apo zikoyo impahla zendawo eyingcwele, nabaperisite abakonzayo, nabalindimnyango, nabaculi: nendlu katixo wetu asisayi kuyishiya.

Currently Selected:

U‐Nehemiya 10: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena