U‐Nahume 3

3
1MAKUBE nzima kuso isixeko segazi! sizele sipela bubuxoki nokupanga; akumki okuqwengiweyo. 2Isitonga sezwiniya, nentlokoma yokugunguza kwevili, amahashe edloba, nenqwelo zisiti qaka; 3ukujiwula kwabakweli bamahashe, nokudangazela kweziṙele, nokubengezela kwentshuntshe; ubuninzi bababuleweyo, nemikumdelikane yezidumbu; imizimba efileyo ayinakupela; bayaku̔beka pezu kwemizimba efileyo yabo: 4ngenxa yobuninzi bemibulo yompinyiswa, umnikazi wobugqi onesoya kakulu; owatengisa intlanga ngemibulo yake, nezizwe ngobugqi bake.
5Bona ke, ndingakuwe, utsho uyehova wemikosi; ndiya kutyila amasondo engubo yako pezu kwobuso bako, ndibonise intlanga ubuzé bako, nezikumkani ubuhloni bako. 6Ndiya kuposa izinto ezibuntshontsho pezu kwako, ndikuhlazise; ndandiya kukwenza into yokubonelwa. 7Kwakuya kuti, bonke abakubonayo bobaleka kuwe, bati: i‐Nineve ici̔takalisiwe! ngubanina oya kuyiku̔za? ndiya kukufunela pina abatutuzeli?
8Ulungile na ngapezu kwe‐No‐amoni, ebihleli pakati kwemijelo, ebinamanzi eyingqonga; endawo enqatyisiweyo ibilulwandle, udonga lwayo luvela elwandle? 9I‐Tiyopiya ibingamandla ayo, ne‐Jipete, kungeko ukupela kwawo; ama‐Pute nama‐Libiya ebengabancedi bako. 10Yabifuduswa noko, yaya ekutinjweni; kanjalo intsatshana zayo zibe zityunyuzwa entlokweni yazo zonke izitarate; amanene ayo enzelwa amaqashiso, nabo bonke abakulu bayo bebenxityiwe ngemixokolelwane. 11Nawe uya kunxila, uya kuzimela; nawe uya kufuna indawo enqabileyo ngenxa yotshaba. 12Zonke inqaba zako zinjengemikiwane inamakiwane avutwa kuqala; ati akuvutululelwa, awe emlonyeni wotyayo. 13Bona ke, abantu bako bangabafazi pakati kwako; amasango elizwe lako ovulelwa intshaba zako kakulu; umlilo wotshisa imivalo yako.
14Zikelele amanzi ngenxa yokuvingcelwa; yomeleza inqaba zako; ngena eludakeni, uxovule udongwe, nqabisa indawo yokugqwagqwa izitene. 15Kwa lapo umlilo wokudla; isiṙele sokunqumla, siya kukudla njengesiboto: zenze baninzi njengeziboto, zenze baninzi njengenkumbi. 16Ubandisile abatengi bako ngapezu kwenkwenkwezi zezulu; iziboto zitwabululekile, zabaleka ke. 17Inkosi zako zinjengenkumbi, nenjengele zako njengebubu lenkumbi, eziti waca ezintangweni ngomhla obandayo: nxa lipuma ilanga, zandul’ ukubaleka, nendawo yazo akwaziwa apo zikona. 18Abalusi bako bayozela, kumkani we‐Asiriya! imiduna yako ilele pantsi; abantu bako bapangalele ezintabeni, akuko mntu obabutayo. 19Akuko mciza kwisapuko sako; inxeba lako alipoliseki; bonke abevayo indaba zako baya kwombela ngezandla pezu kwako; ngokuba engubanina lowo inkohlakalo yako ingadlulanga pezu kwake futi?

Currently Selected:

U‐Nahume 3: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena