Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Maraki 14:26-50

Ivangeli ka‐Maraki 14:26-50 XHO1902A

Baza bati, bakuba bevumile iculo, bapuma baya entabeni yeminquma. Wayesiti kubo u‐Yesu: Nina nonke niya kuxakaniswa ngam ngobubusuku; ngokuba kuba̔liwe ngokuti: Ndiya kubeta umalusi, zaziya kuci̔twa igusha. Koko emveni kwokuvuka kwam, ndiya kunandulela ukuya e‐Galili. Waza u‐Petrosi wati kuye: Nokuba bonke baya kuxakaniswa, andiyi kuxakaniswa mna noko. Wayesiti u‐Yesu kuye: Ngokwenene nditi kuwe: Namhla nje, kwa ngobubusuku, ingekalili kabini inkuku, uya kundikanyela katatu. Kodwa waqinisa ngakumbi ukuti: Nakuba kundifanele ukuba ndife ndawonye nawe, andisayi kukukanyela. Batsho nabo bonke kwa ngokunjalo. Baye besiza entsimini egama liyi‐Getesemane; waza wati kubadisipile bake: Hlalani pantsi apa, ndide ndibe nditandazile. Waza watabata u‐Petrosi no‐Yakobi no‐Johane kunye naye, waqala ukubetwa livuso nokudandateka kakulu. Wayesiti kubo: Umpefumlo wam ulusizi kakulu kude kube sekufeni; hlalani apa, nilinde. Waza waya umganyana ngapambili, wawa pantsi emhlabeni, watandaza ukuba makuti, ukuba kungenzeka, kudlule kuye loyure. Wabesiti: Aba, Bawo! zonke izinto ziyenzeka kuwe; susa lendebe kum: kodwa makungabi ngokutanda kwam, makube ngokwako. Wayesiza ke wabafumana belele, wati ku‐Petrosi: Simone! ulele na? ubungelinde iyure ibe nye na? Lindani nitandaze, ukuze ningangeni ekulingweni: umoya okunene uyavuma, kodwa inyama ibutataka. Wemka kanjako, waya watandaza, eteta wona lomazwi. Waza wabuya, wabafumana belele kanjako; ngokuba amehlo abo ebenzima; bebengazi ukuba boti nina ukumpendula kanjalo. Wayesiza ngokwesitatu, wati kubo: Lalani ixesha eliseleyo, nipumle; kukolisekile; iyure ifikile: bona ke, unyana wesintu uyanikelwa ezandleni zaboni: vukani, sihambe; nanku ondingcatshayo esel’ ekufupi. Kekaloku kwa oko, nxa abesateta, kwasondela u‐Jude, engowabalishumi linababini, nesihlwele esikulu kunye naye sineziṙele nenduku, sivela kubo abaperisite abakulu, nababa̔li, nabadala. Wayete obemngcatsha wabanika isiqondiso, esiti: Lowo endiya kumanga, ukwa nguye; mbambeni yena, nimr̔ole ngokuqinisekileyo. Wati akufika, waselesiza kuye, wati: Rabi, Rabi! wamanga ke. Baza babeka izandla zabo pezu kwake, bambamba. Kekaloku omnye wakubo ababemi kufupi war̔ola isiṙele sake, wabeta isicaka somperisite omkulu, wasinqumla indlebe. Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Nipumile neziṙele nenduku ukuza kundibamba na, njengokungati nibe nipuma ngakulo ibada? Ndandikuni imihla ngemihla etempileni ndifundisa, anandibamba ke. Kodwa kwenzekile oku, ukuze zizaliseke iziba̔lo. Baza bamshiya bonke, babaleka.