Ivangeli ka‐Maraki 13

13
1KEKALOKU akupuma etempileni, omnye wakubadisipile bake wati kuye: Mfundisi! kangela, amatye anjanina, nezakiwo ezinjanina! 2Waza u‐Yesu wapendula wati kuye: Uyazibona na ezizakiwo zikulu? akuyi kushiywa elinye ilitye pezu kwelinye, elingayi kuwiswa pantsi.
3Kekaloku nxa abehleli entabeni yeminquma, malungana netempile, bambuza ngasese u‐Petrosi, no‐Yakobi, no‐Johane, no‐Andreya, besiti: 4Sixelele, zobako ninina ezizinto? kanjalo woba yinto nina umqondiso, xeshekweni zonke ezizinto ziza kufezwa?
5Waye u‐Yesu ebapendula waqala ukuti: Lumkani, ize ningalahlekiswa mntu. 6Ngokuba abaninzi beya kuza egameni lam, besiti: Mna ndinguye; baze balahlekise abaninzi. 7Kodwa xeshekweni nizivayo imfazwe, namaṙe emfazwe, ningabi navuso; ngokuba ezizinto zifanele ukuhla; kodwa ukupela akukabiko. 8Ngokuba uhlanga luya kuvukela uhlanga, nobukumkani buya kuvukela ubukumkani; zaziya kubako izingcangcazelo zomhlaba ngendawo ngendawo; zobako kanjalo indlala nezipitipiti: ziziqalo zenimba ezizinto. 9Kodwa zilumkeleni nina: ngokuba beya kuninikela ematyaleni, naniya kutyatyulwa ezindlwini zentlanganiso; ewe, niya kumiswa pambi kwenkosi nokumkani ngenxa yam, kube sisinqi̔no kubo. 10Kanjalo ivangeli ifanele ukuti tanci ishunyayelwe pakati kwentlanga zonke. 11Kodwa okuya banir̔olayo ukuninikela, ningabi nasitukutezi ngapambili sokuba noteta nto nina, ningabi nakucinga kanjalo; koko into esukuba ninikwa yona ngeloxeshana, le yiteteni: ngokuba kungenini abatetayo, kungumoya oyingcwele. 12Woti umzalwana anikele umzalwana ekufeni, noyise wonikela umntwana; kanjalo abantwana baya kusukela abazali, babafise: 13naniya kutiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam; kodwa onyamezelayo kude kube sekupeleni, oyena uya kusindiswa.
14Kekaloku xeshekweni niyibonayo into ezondekileyo yokuci̔takalisa, ekwatetwa ngayo ngu‐Danyeli umprofite, imi apo ingafaneli ukuma kona; (oleseshayo makaqonde;) mabati oko abo base‐Judeya basabele ezintabeni: 15nalowo upezu kwentungo yendlu makangehli ukuya pakati endlwini; kanjako makangangeni ukuya kususa into endlwini yake; 16nalowo osentsimini makangabuyeli emva ukuya kususa ingubo yake.
17Hai kodwa ubunzima babo abamitiyo nabanyisayo kuleyomihla! 18Tandazani ke ukuba mayingabiko intsabo yenu ebusika: 19ngokuba imihla leyo iya kuba yimbandezelo, ekungabangako enjalo kwa sekuqaleni kwokudalwa akudalileyo utixo kwada kwakaloku, nekungayi kuza kubeko enjalo. 20Kanjako ukuba inkosi ibingayincipisanga lomihla, bekungayi kusindiswa namnye umntu; kodwa ngenxa yabaqashwa ibaqashileyo, iyincipisile lomihla.
21Zeniti ke oko, ukuba umntu utsho kuni ukuti: Nanku apa u‐Kristu; umhlaumbi ukuti: Nanku paya; ningakolwa ke. 22Ngokuba kuya kuvuka okristu ababuxoki, nabaprofite ababuxoki, babeya kubonakalisa imiqondiso nemimangaliso, ukunga bangati, ukuba kungenzeka, balahlekise kwa nabaqashwa. 23Kodwa lumkani nina: bona ke, ndinixelele ngapambili konke.
24Koko kuleyo imihla, emveni kwembandezelo leyo, ilanga liya kwenziwa mnyama, nenyanga ayiyi kunika ukukanya kwayo, 25nenkwenkwezi zezulu ziya kuwa kulo, namandla asezulwini aya kuzanyazanyiswa: 26kwandul’ ukubonwa unyana wesintu esiza emafini, enamandla amakulu nobungcwalisa. 27Waeya kwandula atume ingelosi zake, abutele ndawonye abaqashwa bake bevela emimoyeni yomine, kwa sencameni yomhlaba kude kube sencameni yezulu.
28Kanifunde umzekeliso ngomkiwane: Xeshekweni isebe lawo lise litambile, lipuma amagqabi, niyazi ukuba likufupi ihlobo: 29kwa njalo nani, xeshekweni nibona ezizinto zisihla, yazini ukuba kukufupi oko ngasemnyango. 30Ngokwenene nditi kuni: Asiyi kuza sidlule isizukulwana esi, zide zonke ezizinto zibe zenzekile. 31Kwodlula izulu nomhlaba; kodwa amazwi am akayi kuza adlule.
32Kodwa akuko mntu owaziyo ngayo leyomini neyure; azazi ingelosi ezisezulwini, kwa nonyana; ngubawo owaziyo kupela.
33Lumkani, papamani nitandaze; ngokuba ningalazi ixesha ukuba liba ninina. 34Ngokuba unyana wesintu enjengomntu ohambele kwelinye ilizwe, owashiya indlu yake, wazinika izicaka zake igunya, nezinye ngezinye umsebenzi wazo, wayalela umgcinimnyango ukuba alinde. 35Lindani ke ngoko; ngokuba ningazi ukuba umninindlu uyeza ninina, nokuba kungokuhlwa na, nokuba kupakati kwobusuku na, nokuba kusekulileni kwenkuku na, nokuba kungokusa na; 36hleze ati, esiza ngokwalama, anifumane nilele. 37Kanjalo oko ndikutshoyo kuni, ndikutsho kubo bonke: Lindani.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena