Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Maraki 11:1-19

Ivangeli ka‐Maraki 11:1-19 XHO1902A

KEKALOKU xeshekweni basondelayo e‐Yerusaleme, e‐Betefage nase‐Betaniya ngasentabeni yeminquma, watuma ababini bakubadisipile bake, wati kubo: Hambani niye emzini omalungana nani; nose niti ke nakungena kuwo, nifumane iqwaṙashana libotshelelwe, ekungahlalanga namnye umntu pezu kwalo: likululeni nilizise. Nokuba umntu uti kuni: Yinina ukuba nenze oku? yitini: Inkosi iyalifuna; wosel’ elituma apa ke. Basuka bemka, baya balifumana iqwaṙashana libotshelelwe ngaselucangweni ngapandle ekuhlanganeni kwendlela, balikulula. Baza inxenye yababemi kona bati kubo: Nenza nto nina nikulula nje iqwaṙashana? Koko batsho kubo kwa njengokuba ebeyalele u‐Yesu: baza babayeka. Bandula balizisa iqwaṙashana ku‐Yesu, baposa pezu kwalo ingubo zabo; waza wahlala pezu kwalo. Bati abaninzi bandlala ingubo zabo endleleni; bebesiti abanye bagaula amagatya emitini, bawandlala endleleni. Baza abo babe behamba pambili, nabo babe belandela, badanduluka, besiti: Hosana! Makatanyusanqeliswe ozayo egameni LIKAYEHOVA! Mabutanyusanqeliswe ubukumkani bobawo wetu u‐Davide, obuzayo egameni LIKAYEHOVA! Hosana enyangweni yapezulu! Waza u‐Yesu wangena e‐Yerusaleme, nasetempileni; wati akusingasingela zonke izinto, kuse kuhlwile nje, wapuma waya e‐Betaniya kunye nabalishumi linababini. Kekaloku ngomhla olandelayo, nxa bebepumile e‐Betaniya, walamba. Wati akubona umkiwane ekude, unamagqabi, weza ukuba umhlaumbi wofumana into kuwo; (wati akufika kuwo, wafumana amagqabi kwapela;) ngokuba bekungelixesha lamakiwane. Waza wapendula u‐Yesu, wati kuwo: Makungabi satyiwa ngumntu isiqa̔mo kuwe kude kube ngunapakade. Babesiva ke abadisipile bake. Baza bafika e‐Yerusaleme: waza u‐Yesu engene etempileni waqala ukugxota bonke ababetengela nababetenga etempileni, wazipenula itafile zabananeli bemali, nezihlalo zababetengisa ngamahobe, engavumeli nokuba umntu acande etempileni etwele impahla. Wati kanjalo wafundisa, esiti kubo: Akuba̔liwe na ukuti: Indlu yam iya kubizwa ngokuti yindlu yokutandaza kuzo zonke intlanga? kanti nina niyenzile umqolomba wamabada. Baza beva ababa̔li nabaperisite abakulu, bafuna ukuba boti nina ukumbubisa; ngokuba bebemoyika, kuba isihlwele sonke sibe simangaliswa pezu kwesifundiso sake. Waza wati, nxa kuse kuhlwile, wapuma pandle kwesixeko.