Ivangeli ka‐Maraki 1:1-22

Ivangeli ka‐Maraki 1:1-22 XHO1902A

UKUQALA kwevangeli ka‐Yesu Kristu, unyana KATIXO; njengokuba kuba̔liwe ebaprofiteni ngokuti: Bona ke, ndiyatuma isitunywa sam pambi kwobuso bako, esiya kulungisa indlela yako pambi kwako: nangokuti: Ilizwi lodandulukayo entlango: Lungisani indlela KAYEHOVA; yenzani imendo yake ilungelelane. Weza u‐Johane ebapitizesha entlango, eshumayela ubapitizesho lwoguquko kube kukuxolelwa kwezono. Laza lapumela kuye lonke ilizwe le‐Judeya, nabase‐Yerusaleme; bati bonke babapitizeshwa nguye emlanjeni we‐Yoredane, bevuma izono zabo. Waye kekaloku u‐Johane wambete uboya benkamela, nombinqo wolusu esinqeni sake; watya inkumbi nobusi basendle. Washumayela ke, esiti: Uyeza onamandla amakulu kwawam emva kwam, endingafanelekile ukuba nditobe pantsi ndiwutukulule umtya wezihlangu zake. Mna okunene ndinibapitizeshile ngamanzi; kodwa yena wonibapitizesha NGOMOYA OYINGCWELE. Kwaye kute kuleyomihla, wavela u‐Yesu e‐Nazarete yase‐Galili, wabapitizeshwa ngu‐Johane e‐Yoredane apo. Waza wati esel’ enyuka emanzini, wabona izulu licandekile, NOMOYA njengehobe esihla pezu kwake. Kanjalo leza ilizwi livela ezulwini, lisiti: Wena ungunyana wam otandiweyo, endikolisiweyo kakuhle nguye. Waselesiti UMOYA wamqu̔bela entlango. Waza wakona entlango apo intsuku zamashumi mane, elingwa ngu‐Satane; wayendawonye namaṙamncwa ke; zaza ingelosi zamkonza. KEKALOKU emveni kwokunikelwa kuka‐Johane entolongweni, weza u‐Yesu e‐Galili, eshumayela ivangeli yobukumkani BUKATIXO, esiti nokuti: Ixesha lizalisekile; buse bukufupi ubukumkani BUKATIXO: guqukani, nikolwe evangelini. Wati kekaloku ehamba ngaselwandle lwase‐Galili, wabona u‐Simone, no‐Andreya umninawe wake, beposa utambo elwandle: ngokuba bebengabalobi bentlanzi. Waza wati kubo u‐Yesu: Yizani emva kwam, ndandiya kunenza nibe ngabalobi babantu. Basebesuka bazishiya intambo zabo, bamlandela. Kanjalo egqitile apo umganyana, wabona u‐Yakobi unyana ka‐Zebedi, no‐Johane umninawe wake, besenqanaweni bona nabo belungisa intambo. Wasuka wababiza ke: baza bashiya uyise wabo u‐Zebedi enqanaweni enabaqashwa, bemka baya emva kwake. Baya bangena e‐Kapenayume: waza wati ngemini yesabata waselengena endlwini yentlanganiso wafundisa. Baye bemangaliswa ke pezu kwesifundiso sake; ngokuba ebebafundisa njengonegunya, bekungenjengababa̔li.