U‐Mika 2
2
1KWOBA nzima kubo abaqingayo inkohlakalo, abadalayo ububi ezililini zabo! ekukanyeni kwokusa bayabenza, ngokuba busemandleni esandla sabo. 2Bayanqwenela amasimi, bandule bawapange, nezindlu, bandule bazisuse; bayabandezela indoda nendlu yayo, kwa indoda nelifa layo. 3Ngako oko utsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiyaqingela esisizalwane ububi, eningayi kushenxisa intamo zenu kubo; kanjako aniyi kuhamba ngokuzidla; ngokuba loba lixesha elibi elo. 4Ngalomhla kwotetwa ingoma ngani, kwakuya kulilwa ngesililo esilusizi, kwotiwa: Sigqityelwe ukuci̔takaliswa. Uguqule isabiwo sabantu bam: hai ukusishenxisa kwake kum! wabele umpambuki amasimi etu! 5Ngako oko akuyi kubako kuwe oposa intambo ngeqashiso, emhlambini kayehova. 6Ningaprofiteshi; batsho kubo abaprofiteshayo: ukuba abayi kuprofitesha kubo aba, akuyi kumka amahlazo. 7Wena obizwayo ngendlu ka‐Yakobi! umoya kayehova ufinyele na? zizenzo zake ezi na? amazwi am akamncedi na lowo ulungisayo ukuhamba kwake? 8Kodwa kudala bavukile abantu bam njengotshaba; niyabahluba umnweba kunye nengubo abo badlulayo ngokunqaba, bebuya ekulweni. 9Abafazi babantu bam niyabagxota ekayeni labo elimnandi; niyasusa kubantwana babo ubungcwalisa bam kude kube ngunapakade. 10Sukani, nimke! ngokuba ingeyiyo le indawo yokupumla kwenu; ngenxa yokunco̔la iya kunici̔ta, kwa ngengci̔to enzima. 11Ukuba umntu, ohamba emoyeni nasebuxokini, uyaxoka, esiti: Ndiya kuprofitesha kuwe ngeveyine nangoselo olunamandla; nguye lo oya kuba ngumprofite wababantu.
12Ndiya kukuhlanganisa upela ngenyaniso, Yakobi! ndiya kusibuta ngenyaniso isisalela so‐Sirayeli; ndobabeka ndawonye njengezimvu zase‐Botsera, njengomhlambi pakati kwedlelo lawo; baya kwenza impitimpiti ngenxa yobuninzi babantu. 13Umtyobozeli unyukele pambi kwabo; bayatyobozela, badlulele esangweni; bayapuma ngalo; ukumkani wabo uyadlula pambi kwabo, noyehova entlokweni yabo.
Currently Selected:
U‐Mika 2: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.