Ivangeli ka‐Mateyu 27:32-66

Ivangeli ka‐Mateyu 27:32-66 XHO1902A

Kekaloku nxa abepuma, afumana umntu wase‐Kirene, ogama lingu‐Simone: lowo amnyanzela ukuba atwale ikuruse yake. Ati akufika endaweni e‐kutiwa yi‐Gologota, oko kukuti, yindawo yenkankani, amnika iyasine ipitikeziwe kunye nenyongo ukuba asele; kanti akuyiva, ebengavumi ukusela. Kanjalo akuba ebemkuruseshile, azaba ingubo zake, esenza amaqashiso; ukuze kuzaliseke oko kwatetwayo ngumprofite, esiti: Babelana izivato zam, napezu kwengubo yam benza amaqashiso. Aza ati, ehleli pantsi, amgcina apo ke. Kwaye kubekwa ngapezu kwentloko yake ityala lake liba̔liwe ngokuti: LO UNGUYESU UKUMKANI WAMAJUDA. Kwandula kwakuruseshwa ndawonye naye amabada amabini, elinye ngasekunene, nelinye ngasekohlo. Bati kekaloku abadlulayo bamgxeka, behlunguzela intloko zabo, besiti nokuti: Wena uyici̔tayo itempile, ubuye uyake pakati kwentsuku ntatu, zisindise! ukuba ungunyana KATIXO, yihla ekuruseni. Kwa njalo ke nabaperisite abakulu, behleka, kunye nababa̔li nabadala, bebesiti: Abanye wabasindisa, yena ngokwake akangezisindise: ukuba ungukumkani wo‐Sirayeli, makehle kaloku nje ekuruseni, sasiya kukolwa nguye: utembele KUTIXO; makamhlangule kaloku nje, ukuba uyamtanda; ngokuba wabesiti: Ndingunyana KATIXO. Kanjako namabada, abekuruseshwe ndawonye naye, ebemtuka ngento enjalo. Kwati kekaloku kweyesitandatu iyure yada yayiyure yesitoba, kwabako ubumnyama pezu kwalo lonke ilizwe. Waza ngeyesitoba iyure wamemeza u‐Yesu ngelizwi elikulu, esiti: Eli! Eli! lama sabaketani? oko kukuti: Tixo wam! Tixo wam! undishiyile nganina? Baye besiti inxenye yabemi kona, bakuva: Uyambiza u‐Elija lo. Waselesuka wagidima omnye wakubo, watabata ikepekepe, walizalisa ngeyasine, walifaka engcongolweni, wamseza ke. Koko abanye bebesiti: Yeka, masibone ukuba uyeza na u‐Elija ukuza kumsindisa. Wati ke u‐Yesu, akupinda ukudanduluka ngelizwi elikulu, waku̔pa umpefumlo. Laza bona ke, ikuselo lendawo eyingcwele laṙazulwa kubini kwa pezulu kwada kwasezantsi; wati umhlaba wangcangcazela, namawa acandeka; aza amancw̔aba avulwa, yati imizimba emininzi yabangcwele ababelele yavuswa, yapuma emancw̔abeni, emveni kwokuvuka kwake, yangena esixekweni esingcwele, yabonakala kwabaninzi. Kekaloku inkosikulu nabo babenayo begcina u‐Yesu, bakubona isingcangcazelo somhlaba nezinto ezenzekileyo, boyika kakulu, besiti: Ngenyaniso ebengunyana KATIXO lo. Kwaye kuko kona nabafazi abaninzi bebonela bekude, abebelandele u‐Yesu evela e‐Galili, bemkonza; owayeko pakati kwabo u‐Mariya wase‐Magadala, kwa no‐Mariya unina bo‐Yakobi no‐Jose, nonina bonyana baka‐Zebedi. Kwati ke kwakuhlwa, kweza umntu osityebi wase‐Arimateya ogama lingu‐Josefe, obengumdisipile ka‐Yesu naye: weza lowo ku‐Pilati, wacela umzimba ka‐Yesu. Wandula u‐Pilati waxela ukuba kunikelwe umzimba. Waza u‐Josefe watabata umzimba, wawusongela eqiyeni eshiceneyo emhlope, wawubeka kwelake incw̔aba elitsha, abelimbile eweni apo; waza waliqengqa ilitye elikulu ngasemnyango wencw̔aba, wemka ke. Baye beko kona u‐Mariya wase‐Magadala, nomnye u‐Mariya, behleli pantsi malungana nencw̔aba. Kekaloku ngomhla olandelayo, ongowasemva kwowokulungiselela, bahlanganisana abaperisite abakulu nabafarisi ngaku‐Pilati, besiti: Nkosi! sikumbule ukuba lowamkohlisi watsho nxa asahleli ukuti: Emveni kwentsuku ntatu ndobuya ndivuke. Yalela ngoko ukuba kuqiniswe incw̔aba lude lube lolwesitatu usuku; hlezibe abadisipile bake beze ebusuku bambe̔, baze bati ebantwini: Uvukile ekufeni; ize iti inkohliso yokupela igqitise eyokuqala ngokuba mbi. Wayesiti kubo u‐Pilati: Seninawo umlisela; hambani, niqinise ngendawo eniyaziyo. Baya ke baqinisa incw̔aba, bencamatisela ilitye, bemisa umlisela kanjalo.