Athe ke ekuphumeni, afumana umntu waseKirene, ogama linguSimon; anyanzela lowo ukuba awuthwale umnqamlezo wakhe. Athi akufika ndaweni kuthiwa yiGologota, oko kukuthi, yindawo yokakayi, amnika iviniga iphithikezwe nenyongo, ukuba asele; wathi akuyiva, akavuma ukuyisela.
Athi ke, akumbethelela emnqamlezweni, abelana ngeengubo zakhe, esenza amaqashiso; ukuze kuzaliseke okwathethwa ngumprofeti, esithi, Babelana ngeengubo zam, benza amaqashiso ngesambatho sam.
(INdum. 22:18)
Ahlala phantsi, amlinda khona apho. Babeka ngaphezu kwentloko yakhe ityala lakhe libhaliwe, kwathiwa, LO NGUYESU UKUMKANI WAMAYUDA.
Kwaza kwabethelelwa naye eminqamlezweni izihange ezibini, esinye ngasekunene, nesinye ngasekhohlo. Bamnyelisa ke bona abadlulayo, behlunguzela iintloko zabo, besitsho ukuthi, Wena uchitha itempile, uyakhe ngeentsuku ezintathu, zisindise; ukuba unguNyana kaThixo, yihla emnqamlezweni. Ngokukwanjalo ke nababingeleli abakhulu, bedlala ngaye, benabo ababhali namadoda amakhulu, bathi, Abanye wabasindisa; yena ngokwakhe akanakuzisindisa. Ukuba únguKumkani kaSirayeli, makehle kalokunje emnqamlezweni; sokholwa nguye; ukholose ngoThixo, makamhlangule kalokunje, ukuba uyamthanda; kuba wathi, NdinguNyana kaThixo. Zaye ke nezihange, ezibe zibethelelwe eminqamlezweni naye, zimngcikiva kwangokunjalo.
Kuthe ke, kuthabathele kwilixa lesithandathu, kwada kwesa kwilixa lesithoba, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba.
Ke kaloku, malunga nelixa lesithoba, wadanduluka uYesu ngezwi elikhulu, esithi, Eli! Eli! Lama sabhaktani! Oko kukuthi, Thixo wam! Thixo wam! Undishiye ngani na? Inxenye ke yababemi khona, yakuva, yathi, Lo mntu ubiza uEliya. Wesuka wagidima kwaoko omnye kubo, wathabatha imfunxa, wayizalisa ngeviniga, wayifaka engcongolweni, wamseza. Bathe ke bona abanye, Khawuyeke, sibone ukuba uEliya uza kumsindisa na.
Uthe ke uYesu, ephinde wadanduluka ngezwi elikhulu, wawukhupha umoya wakhe. Lasuka ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini, lithabathele phezulu lada lesa phantsi; umhlaba wanyikima, namawa acandeka, namangcwaba avuleka, zathi izidumbu ezininzi zabangcwele ababelele zavuka; baphuma emangcwabeni emveni kokuvuka kwakhe, bangena kuwo umzi ongcwele, babonakala kuninzi. Ke kaloku umthetheli-khulu, nabo babelinda uYesu naye, bakubona ukunyikima oko, nezo zinto zenzekileyo, boyika kakhulu, besithi, Inyaniso, lo ebenguNyana kaThixo.
Kwaye kukho ke khona abafazi abaninzi, bekhangele bemgama, bona babemlandele uYesu kwakwelaseGalili, bemlungiselela; ekwakukho phakathi kwabo uMariya waseMagadala, noMariya unina wooYakobi noYose, kwanonina woonyana bakaZebhedi.
Kwathi ke kwakuhlwa, kweza umntu osisityebi waseArimati, ogama linguYosefu, owayengumfundi kaYesu naye. Yena lowo waya kuPilato, wacela umzimba kaYesu. Waza uPilato wathi makawunikelwe umzimba. Ewuthabathile ke umzimba uYosefu, wawusongela kwilinen entle emhlophe. Wawubeka kwelakhe ingcwaba elitsha, abelixhole eweni; waqengqela ilitye elikhulu emnyango wengcwaba elo, wemka. Baye ke bekhona apho uMariya waseMagadala nomnye uMariya, behleli phantsi malunga nengcwaba.
Ke kaloku ngengomso, eliyimini esemva kwaleyo yokulungiselela, bahlanganisana ababingeleli abakhulu nabaFarisi kuPilato, besithi, Nkosi, sikhumbule ukuba umlahlekisi lowa wathi esahleli, Emveni kweentsuku ezintathu, ndiya kuvuka. Yitsho ngoko linqatyiswe ingcwaba, kude kube lusuku lwesithathu, hleze abafundi bakhe beze ebusuku, bambé, bathi ke ebantwini, Uvukile kwabafileyo; luze olokugqibela ulahlekiso lube lubi kunolokuqala. Wathi ke uPilato kubo, Ninabo abalindi; hambani niye kunqabisa ngoko nazi ngako. Baya ke bona balinqabisa ingcwaba, ngokulitywina ilitye, bekunye nabalindi.