Ivangeli ka‐Mateyu 27:1-31

Ivangeli ka‐Mateyu 27:1-31 XHO1902A

KEKALOKU kwakuba kusile, bacebisana bonke abaperisite abakulu nabadala babantu ngakuye u‐Yesu, ukuze bamfise. Baza bati bakuba bemnxibile, bamr̔ola, bamnikela ku‐Pontiyusi Pilati kwinkosi. Wandula u‐Jude, owamngcatshayo, akubona ukuba ugwetyiwe, wazohlwaya, wazibuyisela kubaperisite abakulu nakubadala lomaqosha esilivere angamashumi matatu, esiti: Ndonile, igazi elingenatyala ndilingcatshile nje. Kodwa bati: Kuyinto nina kuti oko? kukangele ngokwako. Waza wawawisa lomaqosha esilivere etempileni apo, wemka, waya wazixo̔ma. Baza abaperisite abakulu batabata lomaqosha esilivere, bati: Akufanelekile ukuba afakwe etyeyeni yeminikelo, ngokokuba elinani legazi. Baza bacebisana, batenga ngawo intsimi yombumbi, ibe yindawo yokuncw̔atywa kwabasemzini. Ngoko kwabizwa intsimi leyo ngokuti yintsimi yegazi, kwada kwanamhla nje. Kwandula kwazaliseka oko kwatetwayo ngu‐Jeremiya umprofite, esiti: Baza batabata lomaqosha esilivere engamashumi matatu, elinani lalowo kwenziwa inani ngaye, lowo walenzelwayo inani ngabo abosapo luka‐Sirayeli, bawanikela intsimi yombumbi, njengokuba ebendiyalele UYEHOVA. Kekaloku u‐Yesu wema ebusweni benkosi. Yaza yambuza inkosi, isiti: Ungukumkani wama‐Juda na? Wayesiti u‐Yesu kuyo: Utsho wena. Kanti akunikwa ityala ngabaperisite abakulu nabadala, akapendula nto. Wandula wati u‐Pilati kuye: Akuva na izinto zininzi kangakanana abazinqi̔nayo ngakuwe? Akampendula ke nalinye ilizwi; yada yati nqa inkosi leyo kakulu. Kekaloku ngomtendeleko lowo inkosi ibiqelile ukukululela abantu umbanjwa abe mnye, lowo bamfunayo. Baye benaye ke oko umbanjwa owazekileyo kunene, o‐kutiwa ngu‐Baraba. Ngako, behlanganisene nje, wati kubo u‐Pilati: Nguwupina enifunayo ukuba ndinikululele yena? ngu‐Baraba na, ngu‐Yesu o‐kutiwa ngu‐Kristu kusinina? Ngokuba ebesazi ukuba babemnikele ngomona. Wati kekaloku ehleli nje esihlalweni sokugweba, umfazi wake watuma kuye; esiti: Ungenzi nto kulowamntu olungileyo; ngokuba intlungu ezininzi ndabendiziva namhla epupeni ngaye. Kodwa abaperisite abakulu nabadala bazicenga izihlwele, ukuba mazicele u‐Baraba, no‐Yesu mazimbubise. Yapendula ke inkosi yati kubo: Nguwupina kwaba babini enifunayo ukuba ndinikululele yena? Bati ke: Ngu‐Baraba. Wati kubo u‐Pilati: Ndize nditi nina ku‐Yesu o‐kutiwa ngu‐Kristu? Bati kuye bonke: Makakuruseshwe. Koko inkosi yati: Wenze ukukohlakala kunina pofu? Kodwa bebedanduluka ngakumbi, besiti: Makakuruseshwe. Wati kekaloku u‐Pilati, akubona ukuba akancedi luto, koko ngokukumbi kusuka isipitipiti, watabata amanzi, wahlamba izandla zake pambi kwesihlwele, esiti: Andinatyala egazini lalomntu olungileyo; kukangeleni oko ngokwenu. Baza bapendula bonke abantu bati: Igazi lake malibe pezu kwetu, napezu kwabantwana betu. Wandula wabakululela u‐Baraba; kodwa u‐Yesu, akuba emtyabule, wamnikela ukuba akuruseshwe. Andula amasodati enkosi amsa u‐Yesu endlwini yenkosi, ahlanganisa ngakuye lonke ibandla lawo. Aza amhluba ingubo zake, amfaka isivato esibomvumnyama. Ati akuba elukile isitsaba ngemitolo, asibeka pezu kwentloko yake, nengcongolo esandleni sake sokunene; aza aguqa ngamadolo ebusweni bake, amhleka, esiti: A, kumkani wama‐Juda! Aza amtshicela, atabata ingcongolo leyo, ambeta entlokweni yake. Ati xeshekweni ebemhlekile, amhluba isivato eso, amambatisa ingubo zake; aza amr̔ola ukuya kukuruseshwa.