Ngaleyomini kweza kuye abasadusi, abati akuko luvuko, bambuza, besiti: Mfundisi! u‐Mosesi watsho ukuti: Xeshekweni kufayo umntu engenabantwana, uya kuti umninawe wake atshate nomfazi wake, amvusele umkuluwe wake inzalo. Kekaloku bekuko kuti abazalwana abasixe̔nxe; waza owokuqala wazeka wabuba; wati engenanzalo, wamshiyela kumninawe wake umfazi wake. Wenje njalo nowesibini, nowesitatu, kwada kwaba ngowesixe̔nxe. Wati emveni kwabo bonke wafa nomfazi. Ngako eluvukweni, woba ngumfazi wawupina kwabo basixe̔nxe? ngokuba bonke bebenaye. Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Niyaposisa, ningazi nje iziba̔lo, kwa namandla KATIXO: ngokuba eluvukweni bengazeki, bengendiswa kanjako, koko benjengengelosi ZIKATIXO ezulwini. Kodwa ngako ukuvuka kwabafileyo, anikuleseshanga na oko kwatetwayo kuni NGUTIXO, esiti: Mna ndinguye UTIXO ka‐Abrahame, NOTIXO ka‐Yisake, NOTIXO ka‐Yakobi? UTIXO aka NGUTIXO wabafileyo, ungowabahleliyo. Zati zakuva izihlwele, Zamangaliswa pezu kwesifundiso sake.
Kekaloku abafarisi, bakuva ukuba ubate cwaka abasadusi, bahlanganisana ndawonye. Waza wabuza omnye wakubo obengumqondisimteto, emlinga, esiti nokuti: Mfundisi! owona myalelo umkulu emtetweni nguwupina? Wayesiti u‐Yesu kuye: Ngowokuti: Uya kumtanda UYEHOVA, UTIXO wako, ngayo yonke intliziyo yako, nangawo wonke umpefumlo wako, nangayo yonke ingqondo yako. Nguwo lo owokuqala nomkulu umyalelo. Nowesibini ufana nawo, ungowokuti: Uya kutanda ummelwane wako njengokuzitanda kwako. Kulemiyalelo mibini kuyaxo̔meka wonke umteto nabaprofite.
Kekaloku abafarisi behlanganisene nje, wababuza u‐Yesu, esiti: Niti nina ke ngaye u‐Kristu? ungunyana kabanina? Bati kuye: Ngoka‐Davide. Wati kubo: Uti nina pofu u‐Davide NGOMOYA ukumbiza NGENKOSI, esiti: Wati UYEHOVA KWINKOSI yam: Hlala ngasekunene kum, ndide ndenze intshaba zako zibe sisitulo senyawo zako? Ukuba ngoko u‐Davide uyambiza NGENKOSI, uti nina ukuba ngunyana wake?
Kwaye kungeko namnye ongampendulayo ngazwi: kanjako kuselokwa lamini akwabi sabiko mntu onokukalipa kwokumbuza nto.