Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Mateyu 18:1-20

Ivangeli ka‐Mateyu 18:1-20 XHO1902A

NGELOXESHANA beza abadisipile ku‐Yesu, besiti: Ngubanina ke omkulu kwabanye ebukumkanini bezulu? Waza u‐Yesu wabiza umntwana, wammisa pakati kwabo, watsho ukuti: Ngokwenene nditi kuni: Xeshekweni ningaguqulwanga naba njengabo abantwana, anisayi kuza ningene ebukumkanini bezulu. Ngako osukuba ezitoba njengomntwana lo, nguye lowo omkulu kwabanye ebukumkanini bezulu. Kanjalo osukuba esamkela umntwana onje emnye egameni lam, uyamkela mna: kodwa osukuba exakanisa omnye waba bancinane abakolwayo kum, kulungele yena ngakumbi, ukuba ilitye lapezulu lokusila lixo̔nyelwe entanyeni yake, aze antywiliswe enzulwini yolwandle. Kwoba nzima elizweni ngetuba lezixakaniso! ngokuba kufanele ziya kuza izixakaniso; kodwa kwoba nzima kulowamntu isixakaniso siza ngaye! Ukuba ngoko isandla sako umhlaumbi unyawo lwako luyakuxakanisa, zinqumle, uzilahle kuwe: kulungele wena ukuba ungene ebomini usisiqwala, umhlaumbi usisilima, ngapezu kwokuba uti, unezandla zibini, umhlaumbi unenyawo mbini, uposwe emlilweni ongunapakade. Kanjalo ukuba iliso lako liyakuxakanisa, lincotule, ulilahle kuwe: kulungele wena ukuba ungene ebomini uneliso linye, ngapezu kwokuba uti, unamehlo mabini, uposwe esihogweni somlilo. Lumkani ukuba ningadeli namnye waba bancinane; ngokuba ndisiti kuni, ingelosi zabo ezulwini zimana zibona ubuso BUKABAWO osezulwini. Ngokuba unyana wesintu weza ukusindisa okulahlekileyo. Niti nina ke? Ukuba umntu uba nekulu legusha, ize ilahleke enye kuzo; akati na azishiye ezimashumi alitoba enesitoba, ahambe aye ezintabeni, ayifune leyo ilahlekayo? Nokuba kuti ayifumane, ngokwenene nditi kuni, uyavuyela yona leyo, ngapezu kwokuba uyavuyela ezo zimashumi alitoba enesitoba zingalahlekanga. Kwa njalo asi yintando yake UYIHLO wenu osezulwini, ukuba kubube omnye waba bancinane. Ukuba ke umzalwana wako uyona ngakuwe, yiya umohlwaye kube pakati kwako naye yedwa: ukuba uyakuva, uzuzile umzalwana wako. Kodwa ukuba akeva, tabata kunye nawe kanjalo abe mnye, umhlaumbi babe babini, ukuze onke amazwi amiswe ngomlomo wamanqi̔na amabini umhlaumbi amatatu. Ukuba ke uyala ukuva bona, xelela iṙemente: kodwa ukuba uyala ukuva neṙemente, makabe njengomheyideni nombuti weminikelo kuwe. Ngokwenene nditi kuni: Into enisukuba nizinxiba emhlabeni, ziya kunxitywa ezulwini; nento enisukuba nizikulula emhlabeni, ziya kukululwa ezulwini. Kanjako nditi kuni: Ukuba ababini kuni baya kuvumelana emhlabeni apa ngayo enye indawo basukuba becela yona, iya kwenzelwa bona NGUBAWO osezulwini. Ngokuba apo bahlanganisene kona ababini umhlaumbi abatatu egameni lam, ndiko kwa kona pakati kwabo.