UMATEYU 18:1-20
UMATEYU 18:1-20 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngelo lixa beza abafundi kuYesu, besithi, Ngubani na ke omkhulu kunabanye, ebukumkanini bamazulu? UYesu wabizela kuye umntwana, wammisa phakathi kwabo. Wathi, Inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niguquke, nibe njengabantwana aba, aniyi kukha ningene ebukumkanini bamazulu. Osukuba ngoko ethe wazithoba njengaló mntwana nguye omkhulu kunabanye ebukumkanini bamazulu. Kanjalo othe wamkela umntwana onje, noko amnye, egameni lam, wamkela mna. Ke othe wakhubekisa noko amnye waba bancinane bakholwayo kum, ebelungelwe kanye kukuba anxitywe ilitye lokusila entanyeni, antywiliselwe enzulwini yolwandle. Yeha ihlabathi ngezikhubekiso! kuba azinakuba zingezi izikhubekiso; kodwa yeha loo mntu siza ngaye isikhubekiso! Ukuba ke isandla sakho, nokuba lunyawo lwakho, luya kukhubekisa, lunqamle, ululahle: kukulungele ukuba ungene ebomini usisiqhwala, mhlawumbi usisilima, kunokuba uthi, unezandla ezibini, mhlawumbi uneenyawo ezimbini, uphoswe emlilweni ongunaphakade. Nokuba iliso lakho liya kukhubekisa, lincothule, ulilahle; kukulungele ukuba ungene ebomini unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo. Lumkani, ningadeli namnye waba bancinane; kuba ndithi kuni, Izithunywa zabo emazulwini zihlala zibubona ubuso bukaBawo osemazulwini. Kuba uNyana woMntu weza kusindisa oko kulahlekileyo. Nithini na nina? Ukuba umntu uthe wanekhulu lezimvu, ize kulahleke enye kuzo, akazishiyi na ezimashumi asithoba anesithoba ezintabeni, aye afune leyo ilahlekileyo? Ukuba uthe wayifumana, inene ndithi kuni, uyayivuyela leyo ngaphezu kokuvuyela ezo zimashumi asithoba anesithoba, zingalahlekanga. Kwangokunjalo asikukuthanda kukaYihlo osemazulwini, ukuba kulahleke namnye waba bancinane. Ukuba ke umzalwana wakho uthe wakona, yiya umohlwaye inguwe naye ninedwa; ukuba úthe wakúva, wòba umzuzile umzalwana wakho. Ke ukuba úthe akeva buya uthabathe nawe abe mnye nokuba babini, ukuze onke amazwi amiswe ngomlomo wamangqina amabini, nokuba ngamathathu. Ukuba ke úthe akabeva, xelela ibandla; ukuba ke úthe akaliva nebandla, kuwe makabe njengoweentlanga nombuthi werhafu. Inene, ndithi kuni, Konke enithe nakubopha emhlabeni, kobotshwa emazulwini; nako konke enithe nakukhulula emhlabeni, kokhululwa emazulwini. Kanjalo ndithi kuni, Ukuba ababini kuni bathe bavumelana emhlabeni apha ngeendawo zonke abangazicelayo, bozenzelwa nguBawo osemazulwini. Kuba apho bahlanganisene khona egameni lam, nokuba babini nokuba bathathu, ndikho mna apho phakathi kwabo.
UMATEYU 18:1-20 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngelo xesha abafundi bakaYesu beza kuye, babuza besithi: “Nguwuphi oyena mkhulu kwabalawulwa nguThixo? ” UYesu wabizela umntwana kuye, wammisa phambi kwabo, wathi: “Ndithi kuni, inene, ukuba anithanga nijike nibe njengabantwana, anisoze nifikelele kumgangatho wabalawulwa nguThixo. Oyena mkhulu kwabalawulwa nguThixo ngulowo uzithobayo abe njengalo mntwana. Othe egameni lam wamkela nokuba mnye onje, wamkela mna.” “Othe wakhubekisa nokuba mnye waba bancinane bakholwayo kum, ngekumlungele kanye ukuba agangxwe ilitye lokusila entanyeni, antywiliselwe enzonzobileni yolwandle. Hayi ihlabathi ngezikhubekiso! Azinakungezi izinto ezibakhubekisayo abantu, kodwa hayi loo mntu kuza ngaye ukukhubeka! “Ukuba ke isandla sakho, nokuba lunyawo lwakho, luyakukhubekisa, lunqumle, ululahle. Kulunge kanye ukuba ungene ebomini usisilima okanye usisiqhwala, kunokuba uthi, unezandla zozibini, okanye uneenyawo zombini, uphoswe emlilweni wangonaphakade. Nokuba ke iliso lakho lithe lakukhubekisa, likhuphe, ulilahle. Kulunge kanye ukuba ungene ebomini unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo.” “Lumkani, ningadeli namnye waba bancinane. Ndithi kuni, izithunywa zabo ezulwini zihlala ziphambi koBawo osezulwini. [ Kaloku *uNyana woLuntu weza kusindisa abo balahlekileyo.] “Nithini ke nina? Ukuba ubani unekhulu leegusha, kuze kulahleke ibe nye kuzo, akayi kuzishiya na edlelweni ezo zimashumi alithoba anethoba, aye kufuna leyo ilahlekileyo? Ukuba ke uthe wayifumana, ndithi kuni, inene, uyavuya kukuyifumana leyo ngaphezu kokuba evuya zezinye ezimashumi alithoba anesithoba ezingalahlekanga. Kwangokunjalo naye uYihlo osezulwini akafuni kulahleke nokuba abe mnye kwaba bancinane.” “Ukuba uwenu uthe wona, yiya uthethe naye ninodwa. Ukuba úthe wakuva, woba umzuzile uwenu. Ke ukuba úthe akeva, yiya kuye uhamba nomnye umntu, nokuba babini, ukuze loo ngxoxo ibe namangqina amabini okanye amathathu. Ukuba úthe akabeva nâba, xelela ibandla. Ukuba ke úthe akaliva ibandla, kuwe makabe njengâbo ungenabudlelane nabo mpela. “Ndithi kuni, inene, konke enithe nakubopha emhlabeni, kuya kubotshwa nasezulwini; nako konke enithe nakukhulula emhlabeni, kuya kukhululwa nasezulwini. “Kananjalo ndithi kuni, ukuba ababini kuni bathe bavana emhlabeni nangayiphi na indawo abanesicelo ngayo, baya kuyenzelwa nguBawo osezulwini; kuba apho bathe bahlangana khona egameni lam ababini nokuba ngabathathu, nam ndikho phakathi kwabo.”
UMATEYU 18:1-20 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngelo lixa beza abafundi kuYesu, besithi, Ngubani na ke omkhulu kunabanye, ebukumkanini bamazulu? Waza uYesu wabizela kuye umntwana, wammisa phakathi kwabo. Wathi, Inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niguquke, nibe njengabantwana aba, aniyi kukha ningene ebukumkanini bamazulu. Osukuba ngoko ethe wazithoba njengalo mntwana nguye omkhulu kunabanye ebukumkanini bamazulu. Kanti othe wamkela umntwana onje, noko amnye, egameni lam, wamkela mna; Ke othe wakhubekisa noko amnye waba bancinane bakholwayo kum, ngekumlungele kanye ukuba ubegangxwe ilitye lokusila entanyeni yakhe, antywiliselwe enzulwini yolwandle. Yeha ihlabathi ngenxa yezikhubekiso! Kuba kumele ukuba zifike izikhubekiso; yeha ke loo mntu siza ngaye isikhubekiso! Ukuba ke isandla sakho, nokuba lunyawo lwakho luya kukhubekisa, lunqumle, ululahle kude; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisiqhwala, mhlawumbi usisilima, kunokuba uthi, unezandla ezibini, mhlawumbi uneenyawo ezimbini, uphoswe emlilweni ongunaphakade. Nokuba iliso lakho liya kukhubekisa, linyothule, ulilahle; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo. Lumkani, ningadeli namnye waba bancinane; Kuba ndithi kuni, Izithunywa zabo emazulwini zihlala zibubona ubuso bukaBawo osemazulwini. Kuba uNyana woMntu weza kusindisa oko kulahlekileyo. Nithini na? Ukuba umntu unekhulu lezimvu, ize kulahleke enye kuzo, akazishiyi na ezingamashumi asithoba anesithoba, aye ezintabeni, aye kufuna leyo ilahlekileyo? Ukuba uthe wayifumana, inene ndithi kuni, uyayivuyela leyo ngaphezu kokuvuyela ezo zimashumi asithoba anesithoba, zingalahlekanga. Kwangokunjalo asikukuthanda kukaYihlo osemazulwini, ukuba kulahleke namnye waba bancinane. Ukuba ke umzalwana wakho uthe wakona, yiya umohlwaye inguwe naye ninedwa; ukuba uthe wakuva, woba umzuzile umzalwana wakho. Ke ukuba uthe akeva buya uthabathe nawe abe mnye nokuba babini, ukuze onke amazwi amiswe ngomlomo wamangqina amabini, nokuba ngamathathu. Ukuba ke uthe akabeva, xelela ibandla; ukuba uthe akaliva ibandla, kuwe makabe njengomntu weentlanga nombuthi werhafu. Inene, ndithi kuni, Konke enithe nakubopha emhlabeni, kobotshwa emazulwini; Kanjalo ndithi kuni, Ukuba ababini kuni bathe bavumelana emhlabeni apha ngeendawo zonke abangazicelayo, bozenzelwa nguBawo osemazulwini. Kuba apho bahlanganisene khona egameni lam, nokuba babini nokuba bathathu, ndikho mna apho phakathi kwabo.
UMATEYU 18:1-20 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
NGELOXESHANA beza abadisipile ku‐Yesu, besiti: Ngubanina ke omkulu kwabanye ebukumkanini bezulu? Waza u‐Yesu wabiza umntwana, wammisa pakati kwabo, watsho ukuti: Ngokwenene nditi kuni: Xeshekweni ningaguqulwanga naba njengabo abantwana, anisayi kuza ningene ebukumkanini bezulu. Ngako osukuba ezitoba njengomntwana lo, nguye lowo omkulu kwabanye ebukumkanini bezulu. Kanjalo osukuba esamkela umntwana onje emnye egameni lam, uyamkela mna: kodwa osukuba exakanisa omnye waba bancinane abakolwayo kum, kulungele yena ngakumbi, ukuba ilitye lapezulu lokusila lixo̔nyelwe entanyeni yake, aze antywiliswe enzulwini yolwandle. Kwoba nzima elizweni ngetuba lezixakaniso! ngokuba kufanele ziya kuza izixakaniso; kodwa kwoba nzima kulowamntu isixakaniso siza ngaye! Ukuba ngoko isandla sako umhlaumbi unyawo lwako luyakuxakanisa, zinqumle, uzilahle kuwe: kulungele wena ukuba ungene ebomini usisiqwala, umhlaumbi usisilima, ngapezu kwokuba uti, unezandla zibini, umhlaumbi unenyawo mbini, uposwe emlilweni ongunapakade. Kanjalo ukuba iliso lako liyakuxakanisa, lincotule, ulilahle kuwe: kulungele wena ukuba ungene ebomini uneliso linye, ngapezu kwokuba uti, unamehlo mabini, uposwe esihogweni somlilo. Lumkani ukuba ningadeli namnye waba bancinane; ngokuba ndisiti kuni, ingelosi zabo ezulwini zimana zibona ubuso BUKABAWO osezulwini. Ngokuba unyana wesintu weza ukusindisa okulahlekileyo. Niti nina ke? Ukuba umntu uba nekulu legusha, ize ilahleke enye kuzo; akati na azishiye ezimashumi alitoba enesitoba, ahambe aye ezintabeni, ayifune leyo ilahlekayo? Nokuba kuti ayifumane, ngokwenene nditi kuni, uyavuyela yona leyo, ngapezu kwokuba uyavuyela ezo zimashumi alitoba enesitoba zingalahlekanga. Kwa njalo asi yintando yake UYIHLO wenu osezulwini, ukuba kubube omnye waba bancinane. Ukuba ke umzalwana wako uyona ngakuwe, yiya umohlwaye kube pakati kwako naye yedwa: ukuba uyakuva, uzuzile umzalwana wako. Kodwa ukuba akeva, tabata kunye nawe kanjalo abe mnye, umhlaumbi babe babini, ukuze onke amazwi amiswe ngomlomo wamanqi̔na amabini umhlaumbi amatatu. Ukuba ke uyala ukuva bona, xelela iṙemente: kodwa ukuba uyala ukuva neṙemente, makabe njengomheyideni nombuti weminikelo kuwe. Ngokwenene nditi kuni: Into enisukuba nizinxiba emhlabeni, ziya kunxitywa ezulwini; nento enisukuba nizikulula emhlabeni, ziya kukululwa ezulwini. Kanjako nditi kuni: Ukuba ababini kuni baya kuvumelana emhlabeni apa ngayo enye indawo basukuba becela yona, iya kwenzelwa bona NGUBAWO osezulwini. Ngokuba apo bahlanganisene kona ababini umhlaumbi abatatu egameni lam, ndiko kwa kona pakati kwabo.