Ivangeli ka‐Luke 8:22-39

Ivangeli ka‐Luke 8:22-39 XHO1902A

Kwaye kute ngemini etile, wangena yena enqanaweni, kwa nabadisipile bake; waza wati kubo: Masiwele siye kwelingapesheya icala lolwandlana, banduluka ke. Kekaloku nxa bebeselisha, walala ubutongo: kwaza kwehla uqwitela lwomoya pezu kwolwandlana, bada bafun’ ukuzalelwa ngamanzi, baza kuba semgcipekweni ke. Beza kuye bamvusa, besiti: Nkosi, Nkosi, siyabuba! Wavuka ke wakalimela umoya nokulwa kwamanzi; kwapeza ke, kwaza kwabako ukuzola. Wayesiti kubo: Lupina ukolo lwenu? Kodwa bebesoyika bati nqa, besiti omnye kwomnye: Ngubanina kanti lo, eyalela nemimoya namanzi nje, zimve ke? Baza baselishela ezweni lama‐Gadara, elimalungana ne‐Galili. Wati akupumela emhlabeni, kwamkaulela indoda etile yasesixekweni esekukade inazo idemoni, yayingambati ngubo, yayingahlali endlwini kanjalo, koko yahlala emancw̔abeni. Yati kekaloku yakubona u‐Yesu, yadanduluka, yawa pantsi pambi kwake, yati ngelizwi elikulu: Ndiyinto nina kuwe, Yesu, Nyana KATIXO opezu konke? ndiyakukunga, zungandimbeli! (Ngokuba ebeyalele umoya onco̔lileyo ukuba apume emntwini lowo; ngokuba bekukaninzi ebemqubule; wabegcinwa enxityiwe ngemixokelelwane nangamakamandela; waza eqaula izinxibo wagxotelwa ezindaweni ezilubala yidemoni.) Waza wayibuza u‐Yesu, esiti: Ngubanina igama lako? Yayisiti: Ngu‐Bandlalikulu; ngokuba idemoni ezininzi bezingene kuyo. Zaza zambongoza, aze angaziyaleli ukuba zimke ziye esihogweni. Kwabekuko apo umhlambi wehangu ezininzi zisidla entabeni. Zaza zambongoza ukuba azivumele zingene kuzo ezo. Wazivumela ke. Zati idemoni zapuma emntwini lowo zangena ezihangwini; waza umhlambi wagalelekela ngeliwa apo elwandlana, wamiwa ke. Baza abo babesalusa, bakubona oko kwenzekileyo, babaleka, baya bashumayela indawo esixekweni nasemapandleni. Bati ke abantu bapuma ukuya kubona into eyenzekileyo, beza ku‐Yesu, bamfumana ehleli pantsi lowamntu zibe zipumile kuye idemoni, evatile, enokuqonda kwake, ngasezinyaweni zika‐Yesu; basuka boyika. Bati kanjalo abo babebonile babashumayeza ukuba watiwa nina ukupiliswa lowo ubengenelwe zidemoni. Saza sonke isihlwele sasezweni elipahlayo lama‐Gadara samtandaza ukuba emke kubo; ngokuba bebebanjwa kukwoyika okukulu. Waza yena wangena enqanaweni, wabuya. Kekaloku indoda zibe zipumile kuyo idemoni ibimkunga ukuba ibe naye. Kodwa wayindulula u‐Yesu, esiti: Buyela endlwini yako, ubalise izinto ezingakanana akwenzele zona UTIXO. Yaza yemka, ishumayela kuso sonke isixeko izinto ezingakanana abeyenzele zona u‐Yesu.