Ivangeli ka‐Luke 2:39-52

Ivangeli ka‐Luke 2:39-52 XHO1902A

Kekaloku xeshekweni bebegqibele zonke izinto ezinjengokwomteto WENKOSI, babuyela e‐Galili, esixekweni sabo e‐Nazarete. Wati umntwana wakula, waba namandla emoyeni, ezaliswa ngobulumko; nofefe LUKATIXO lwalupezu kwake. Kekaloku oyise bake bebesiya iminyaka ngeminyaka e‐Yerusaleme ngomtendeleko wepasika. Wati akuba yiminyaka ilishumi linamibini ubudala bake, nxa bebenyukele e‐Yerusaleme ngokwesiko lomtendeleko, nanxa bebefezile imihla, ekubuyeni kwabo, wasala umntwana u‐Yesu e‐Yerusaleme; baye bengazi u‐Josefe nonina. Kodwa beba usemhlambini wabahambi baya ihambo yosuku lunye, baza bamfuna pakati kwabalamane babo napakati kwababesazana nabo. Bati bengamfumananga nje, babuyela e‐Yerusaleme, bemfuna. Kwaza kwati emveni kwentsuku ntatu, bamfumana etempileni, ehleli pakati kwabafundisi, esiva bona, ebuza nokubuza kubo. Baye benokuti nqa ke bonke abo babemva, pezu kwokuqonda kwake nemipendulo yake. Bati bakumbona, bamangaliswa; waza unina wati kuye: Nyana! wasenzela njalo nganina? bona ke, uyihlo nam, besikufuna sidandatekile. Waza wati kubo: Yinina ukuba nibe nindifuna? nibe ningazi na ukuba ndifanele ukuba sendlwini KABAWO? Abaliqonda ke bona ilizwi walitetayo kubo. Waza wehla nabo, weza e‐Nazarete, wabalulamela: wati kekaloku unina wazigcina zonke ezizinto entliziyweni yake. Waye u‐Yesu emana ehambisa ebulumkweni nasebudeni, naselufefeni pambi KWOTIXO napambi kwabantu.