Ivangeli ka‐Luke 18:1-14

Ivangeli ka‐Luke 18:1-14 XHO1902A

Wabeteta nomzekeliso kubo wokuti kufanele ukuba kutandazwe futi, kungadinwa, esiti: Kube kuko umgwebi otile esixekweni esitile, obengamoyiki UTIXO, obengamhloneli nomntu. Kube kuko nomhlolokazi kwesosixeko, owaman’ esiza kuye, esiti: Ndilungise elutshabeni lwam. Kwaza kwamzuzu engavumi; kodwa kamva wati pakati kwake: Nakuba UTIXO ndingamoyiki, nomntu ndingamhloneli, ndiya kuti noko, ngenxa yokuba endika taza umhlolokazi lo, ndimlungise, hleze ati ehlala esiza andiqekeze intloko. Yaza yati INKOSI: Yivani oko kutetwa ngumgwebi ongalungileyo. NOTIXO akayi kulungisa abaqashwa bake na, abakalela kuye emini nasebusuku, nangona enza kade pezu kwabo? Nditi kuni: Wobalungisa kamsinya. Kodwa noko, akuza unyana wesintu, wolufumana ke na ukolo emhlabeni? Kanjalo wawuteta nakwabatile abazitembelayo ukuba balungile, badela abanye, umzekeliso lo: Abantu ababini benyukela etempileni ukuya kutandaza, omnye engumfarisi, omnye engumbuti weminikelo. Umfarisi wema wenje nje ukutandaza ngokwake: TIXO! ndiyakubulela ukuba ndingenjengabo abanye abantu, abapangi, abangalungileyo, abaṙexezi, ndingenjengaye nalombuti weminikelo. Ndiyazila ukutya kabini ngeveki; ndiyanika izishumi zako konke endikuzuzayo. Nombuti weminikelo, emi kude, ebengavumi nokuba apakamise amehlo ngasezulwini; koko ebebeta esifubeni sake, esiti: TIXO! yiba nofefe kum endingumoni. Nditi kuni: Wehla lo waya endlwini yake egwetyelwe, ngapezu kwalowa: ngokuba osukuba ezipakamisa, uya kutotywa; kanti ozitobayo, uya kupakanyiswa.