Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Luke 11:1-28

Ivangeli ka‐Luke 11:1-28 XHO1902A

KWAZA kwati, nxa ebesendaweni etile etandaza, akupeza, wati omnye wakubadisipile bake kuye: Nkosi! sifundise tina ukutandaza, njengokuba no‐Johane wafundisa abadisipile bake. Wayesiti kubo: Xeshekweni nitandazayo, yitini: Bawo wetu osezulwini! Malipatwe ngobungcwele igama lako. Ubukumkani bako mabufike. Intando yako mayenziwe emhlabeni, njengokuba isenziwa ezulwini. Sipe imihla ngemihla ukutya kwetu kwemihla ngemihla. Usixolele izono zetu; ngokuba nati sixolela bonke abonayo kuti. Ungasingenisi ekulingweni, zusisindise enkohlakalweni. Waza wati kubo: Nguwupina kuni oya kuba nomhlobo, waeya kuya kuye pakati kwobusuku, aze ati kuye: Mhlobo! ndiboleke izonka zibe zitatu; ngokokuba umhlobo wam efikile kum evela ekuhambeni, endingenanto yokubeka pambi kwake: aze lowo upakati apendule ati: Ungandikatazi; ucango seluvaliwe, nabantwana bam bako nam endaweni yokulala; andingevuke ndikunike? Nditi kuni: Nokuba akayi kuvuka amnike, ngenxa yokuba engumhlobo wake, woti noko, ngenxa yokujoka kwake, avuke amnike zonke azifunayo. Kanjalo nditi mna kuni: Celani, naniya kupiwa; funani, naniya kufumana; qongqotani, naniya kuvulelwa. Ngokuba bonke abacelayo besamkela, nofunayo uyafumana, noqongqotayo uya kuvulelwa. Nguwupina wakuni onguyise, oya kuti, ukuba unyana wake uya kucela kuye isonka, amnikele ilitye? nokuba uya kucela intlanzi, endaweni yentlanzi amnikele inyoka? umhlaumbi nokuba uyacela iqanda, amnikele unomadudwane? Ngako ukuba nina, nikohlakele nje, niyazi ukupa abantwana benu izipo ezilungileyo, kwoba kangakananina ngakumbi aya kuti UYIHLO wasezulwini ape abo bacelayo kuye UMOYA OYINGCWELE? Kekaloku waeku̔pa idemoni, yaisidenge ke yona. Kwabekute, nxa idemoni ibipumile, sateta isidenge: zaza zati nqa izihlwele. Kodwa inxenye kubo bati: Uyaziku̔pa idemoni ngaye u‐Belezebule inkosi yedemoni. Nabanye, bemlinga, bebefuna umqondiso kuye uvela ezulwini. Kuloko yena wazazi inkumbulo zabo, wati kubo: Bonke ubukumkani obupambeneyo ngokwabo buyaci̔takaliswa; nendlu epambeneyo nendlu iyawa. Kanjalo no‐Satane ukuba upambene ngokwake, boti nina ubukumkani bake ukuma? ngokuba nisiti ndiyaziku̔pa idemoni ngo‐Belezebule. Kodwa ukuba ndiyaziku̔pa idemoni ngo‐Belezebule mna, bayaziku̔pa ngobanina onyana benu? ngako oko bona boba ngabagwebi benu. Kodwa ukuba ndiyaziku̔pa idemoni ngomnwe KATIXO, kukona sebunifikele ubukumkani BUKATIXO. Xeshekweni onamandla exo̔bile ayigcina indlu yake, impahla zake zisekupumleni: kodwa emvenikweni onamandla makulu kwawake amzumileyo wamoyisa, uyasusa konke ukuxo̔ba kwake abetembele kuko, awabe amaxoba ake. Ongengecala lam, uyalana nam; nongabutani nam, uyaci̔ta. Xeshekweni umoya onco̔lileyo apumile emntwini, uyacanda ezindaweni ezingenamanzi, efuna ukupumla; kanti engakufumani nje, uti: Ndiya kubuyela endlwini yam, apo ndapuma kona: ati akufika ayifumane itshayelwe, ihonjiwe. Andule ukuya atabate naye abanye omoya abasixe̔nxe, abakohlakeleyo ngakumbi kuye, abati bangene bahlale kona: kuze kuti okwokupela kwalomntu kube kubi kokwokuqala. Kwaye kute ekuziteteni kwake ezizinto, umfazi otile wasesihlweleni wapakamisa ilizwi wati kuye: Sinetamsanqa isizalo esakutwalayo, namabele owawanyayo. Kodwa yena wati: Hai gxebe, banetamsanqa abo balivayo ilizwi LIKATIXO, balibambe.