I‐Levitikusi 5

5
1XESHEKWENI umntu onayo, ekubeni elivile ilizwi lesifungiso, elinqi̔na nje, nokuba ubonile, nokuba wazile; ukuba akaxeleli, uya kutwala inkohlakalo yake. 2Naxeshekweni umntu acukumisayo enye into enco̔lileyo, nokuba sisidumbu sesilo esinco̔lileyo, nokuba sisidumbu senkomo enco̔lileyo, nokuba sisidumbu sesinambuzane esinco̔lileyo, kuze kumfihlelwe; unco̔lile naye, unetyala. 3Naxeshekweni acukumisayo ukunco̔la kwomntu, noko ukunco̔la kwake kunjanina anco̔lisiwe ngako, kuze kumfihlelwe; woti akukwazi, abe netyala. 4Naxeshekweni umntu afungayo, enxama ukuteta ngomlomo ukuba enze okubi, umhlaumbi ukuba enze okulungileyo, noko kuyinto enjanina umntu uya kunxama ukuyiteta ngesifungo, kuze kumfihlelwe; woti akukwazi, abe netyala ngenye yezizinto. 5Kwakuya kuti, nxa anetyala ngenye yezizinto, uya kuxela ukuba wonile ngalonto: 6waeya kuzisela ityala lake kuyehova, ngenxa yesono sake onileyo ngaso, imazi yasezinkomeni ezincinane, imvanakazi umhlaumbi itakanekazi lebokwe, ibe lidini lesono; ati umperisite amenzele uxoliso ngenxa yesono sake.
7Kodwa ukuba isandla sake asinakufikela okwanele inkomo encinane, makazisele ityala lake, onileyo ngalo, amahobe abe mabini, umhlaumbi amatole ezuba abe mabini, kuyehova; elinye libe leledini lesono, elinye libe leledini lokutshiswa. 8Uya kuzisa wona kumperisite, oya kunikela eledini lesono kuqala, alinyikile intloko ngasentanyeni, angalahluli kanye kodwa. 9Waeya kufefa ngegazi ledini lesono pezu kwecala lesibingelo; koko isisalela segazi liya kufocelwa ngasesekweni lesibingelo: lidini lesono lona. 10Nelesibini uya kulenza idini lokutshiswa, njengesiko; ati umperisite amenzele uxoliso ngenxa yesono sake onileyo ngaso, size simxolelwe.
11Kodwa ukuba isandla sake asinakufikela amahobe amabini, umhlaumbi amatole ezuba amabini, makazisele umnikelo wake, lowo owonileyo, eseshumi isiqingata seyefa yomgubo ocolekileyo ube lidini lesono; akayi kubeka pezu kwawo ioli, akayi kubeka pezu kwawo intlakamhlope kanjalo: ngokuba wona ulidini lesono. 12Andule awuzise kumperisite, ati umperisite abambe kuwo into ezalisa isandla sake, isikunjuzelwa sawo, asitshise pezu kwesibingelo, pezu kwayo iminikelo eyenziwa ngomlilo kayehova: ulidini lesono wona. 13Waye umperisite eya kumenzela uxoliso ngenxa yesono sake onileyo ngaso ngenye yezizinto, size simxolelwe; siti isisalela sibe sesomperisite, njengawo umnikelo wokudla.
14Wabuya wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 15Nxa agqita umntu ngesigqito, one nokwona ngesiposo, kwezingcwele izinto zikayehova; uya kwandula azisele ityala lake kuyehova inkunzi yegusha emsulwa ivela emhlambini, ngokulinganisa kwako neshekele zesilivere, ezingangeshekele yeyingcwele indawo, ibe lidini letyala. 16Nalonto onileyo ngayo kweyingcwele into woyibuyekezela, nesesihlanu isiqingata sayo uya kusongeza pezu kwayo, ayinike kumperisite; woti umperisite amenzele uxoliso ngenkunzi yegusha yedini letyala, aze axolelwe.
17Naxeshekweni umntu onayo, enze into ngakwomnye kuyo yonke imiyalelo kayehova, ngezinto ezinga zingenziwa; nakuba engayazi, unetyala noko; uya kutwala nenkohlakalo yake. 18Waeya kuzisa inkunzi yegusha emsulwa ivela emhlambini, njengokulinganisa kwako, ibe lidini letyala, kumperisite; woti umperisite amenzele uxoliso ngenxa yesiposo sake aposisile ngaso, abengasazi; sasiya kumxolelwa. 19Lidini letyala yona; unetyala ngenyaniso kuye uyehova.

Currently Selected:

I‐Levitikusi 5: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena