I‐Levitikusi 24
24
1WABUYA wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 2Yalela usapo luka‐Sirayeli, ukuba luyizise kuwe ioli engcwengileyo yamanquma anqushiweyo ibe yeyesikanyiso, kuze kumiswe izibane ngamaxesha onke. 3Ngapandle kwekuselo lesinqi̔no, kuyo intente yentlangano, uya kulungisa sona u‐Arone, kwa sekuhlweni kude kuse, ebusweni bukayehova, ngamaxesha onke: ngummiselwa ongunapakade kwizizukulwana zenu. 4Pezu kwekandelare ecocekileyo uya kulungisa izibane ebusweni bukayehova futi.
5Kanjalo uya kutabata umgubo ocolekileyo, woje ngawo izonkana zibe lishumi elinazibini: zoba zezibini ezeshumi iziqingata zeyefa kwesinye isonkana. 6Wauya kubeka zona ngenṙozo zimbini, zibe zitandatu eluṙozweni lunye, pezu kwayo itafile ecocekileyo, pambi kwoyehova. 7Wandule ubeke pezu kwenṙozo zombini intlakamhlope engcwengileyo, ize ibe ngumnikelo wokukumbuza pezu kwesonka, kwa umnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova. 8Yonke imihla yesabata ngaminye wosilungisa pambi kwoyehova futi, sivela elusatsheni luka‐Sirayeli ngocebano olungunapakade. 9Soba sesika‐Arone nesonyana bake, abaya kusitya kweyingcwele indawo; ngokuba siyinto eyingcwelekazi kuye pakati kweminikelo eyenziwa ngomlilo kayehova, ngommiselo ongunapakade.
10KEKALOKU kwapuma unyana womfazi ongum‐Sirayelikazi, obengunyana wendoda engum‐Jipete, pakati kwosapo luka‐Sirayeli: wasuka lonyana wom‐Sirayelikazi wangxolisana nendoda engum‐Sirayeli emnqubeni. 11Waza unyana wom‐Sirayelikazi waligxeka igama lika‐Yehova, watuka; ngako bamzisa ku‐Mosesi: laye igama lonina lingu‐Shelomiti, intombi ka‐Diberi, owesizwe sika‐Dane. 12Baye bemfaka entolongweni, ukuda bashunyayezwe ngelizwe likayehova. 13Wada wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 14Umtuki lowo mkupele pandle kwomnquba, bati bonke ababesiva balalise izandla zabo pezu kwentloko yake; yandule yonke intlanganiso imgibisele ngamatye. 15Nakulo usapo luka‐Sirayeli uya kuteta, usiti: Umntu osukuba etuka utixo wake, uya kutwala isono sake. 16Nogxekayo igama likayehova, yena uya kufiswa ngenyaniso; yonke intlanganiso yomgibisela ngamatye ngenyaniso: owasemzini woba njengozelweyo elizweni; nxa agxekayo igama lika‐Yehova, uya kufiswa.
17Nosukuba ebulala omnye umntu ubomi, uya kufiswa ngenyaniso. 18Kanjalo obulalayo isilo ubomi, uya kusibuyekezela; isilo ngenxa yesilo. 19Naxeshekweni umntu enzela ummelwane wake isonakalo; njengoko akwenzileyo, kuya kwenziwa njalo nakuye: 20isapuko ngenxa yesapuko, iliso ngenxa yeliso, izinyo ngenxa yezinyo: njengokuba enzele umntu isonakalo, uya kwenzelwa njalo naye. 21Lowo obulalayo isilo, wosibuyekezela; kanti obulalayo umntu, uya kufiswa. 22Noba nesiko linye; owasemzini woba njengozelweyo elizweni: ngokuba mna ndi nguyehova, utixo wenu.
23Waza u‐Mosesi wateta elusatsheni luka‐Sirayeli, ukuba malumkupe umtuki lowo ngapandle kwomnquba, lumgibisele ngamatye. Lwati usapo luka‐Sirayeli lwenza njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
Currently Selected:
I‐Levitikusi 24: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.