I‐Levitikusi 17

17
1WALEKELA wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 2Teta ku‐Arone, nakonyana bake, nakubo bonke abalusapo luka‐Sirayeli, uti kubo: Leli ilizwi aliyaleleyo uyehova, lokuti: 3Umntu osukuba engowendlu ka‐Sirayeli, oya kuxe̔la inkabi, umhlaumbi imvana, umhlaumbi ibokwe, emnqubeni; umhlaumbi oya kuyixe̔la ngapandle kwomnquba; 4kanti akayizisi elucangweni lwentente yentlangano, ukuba kunikelwe umnikelo kuyehova pambi kwayo itabanakele kayehova; igazi liya kubalelwa lowamntu; igazi ulipalazile; kanjalo uya kunqanyulwa lowamntu ebantwini bake; 5ukuze usapo luka‐Sirayeli luze nayo imibingo yalo, oluyibingayo ngasendle, luyizise kuyehova, elucangweni lwentente yentlangano, kumperisite, luyibinge ibe yimibingo yoxolo kuyehova. 6Waye umperisite eya kusasaza igazi pezu kwesibingelo sikayehova, elucangweni lwentente yentlangano; nenqata wolitshisa libe livumba elimnandi kuyehova. 7Alusayi kubuya lubingele idemoni imibingo yalo, ezo luṙexezele emva kwazo. Oku kwoba ngummiselwa ongunapakade kulo ngezizukulwana zalo.
8Wauya kuti kulo: Umntu osukuba engowendlu ka‐Sirayeli, nosukuba engowasemzini opambukeleyo pakati kwenu, oya kunikela ngedini lokutshiswa, umhlaumbi ngombingo; 9kanti akalizisi elucangweni lwentente yentlangano, ukuba lenzelwe uyehova; lowamntu wonqanyulwa ebantwini bake.
10Nomntu osukuba engowendlu ka‐Sirayeli, nosukuba engowasemzini opambukeleyo pakati kwenu, oya kulidla elinye igazi; sendiya kubeka ubuso bam ngakuye lowamntu odlayo igazi, ndimnqamle ebantwini bake. 11Ngokuba ubomi benyama busegazini; kukona ndininikile lona pezu kwesibingelo, kuze kwenzelwe imipefumlo yenu uxoliso: ngokuba lilo igazi eliwenzela umpefumlo uxoliso. 12Ngako oko ndite elusatsheni luka‐Sirayeli: Makungabiko namnye umntu wakuni oya kulidla igazi; kanjako owasemzini opambukeleyo pakati kwenu akayi kulidla igazi.
13Nomntu osukuba engowosapo luka‐Sirayeli, nosukuba engowasemzini opambukeleyo pakati kwenu, oya kubamba inyamakazi ekuzingeleni, umhlaumbi intaka edlekayo; lowo uya kupalaza igazi layo, aliselele ngotuli. 14Ngokuba libubomi benyama yonke; igazi layo lingenxa yobomi bayo; ndati ngoko elusatsheni luka‐Sirayeli: Igazi lenyama yonke aniyi kulidla; ngokuba ubomi benyama yonke ligazi layo; osukuba elidla, wonqanyulwa.
15Nalomntu osukuba esidla into esisidumbu, umhlaumbi eqwengiweyo, nokuba ungozelweyo elizweni, nokuba ungowasemzini, yena uya kuhlanza izivato zake, ahlambe emanzini, abe enco̔lile kude kuhlwe; andule abe ecokisekile. 16Kodwa ukuba akazihlanzi, nokuba akahlambi inyama yake, uya kutwala inkohlakalo yake.

Currently Selected:

I‐Levitikusi 17: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena