Izililo 5
5
1KUMBULA, Yehova! oko sihlelwe kuko: kangela, ubone ihlazo letu. 2Ilifa letu libohlele kwabasemzini, nezindlu zetu kwabohlanga lumbi. 3Sizinkedama, singenabawo; oma̔ betu banjengabahlolokazi. 4Amanzi etu siyawasela ngemali; inkuni zetu zimelwa lixabiso. 5Siyatshutshiswa pezu kwentamo zetu; siyazama, singenakupumla. 6Ama‐Jipete siwanikele isandla, nama‐Asiriya, ukuba kuhlutiswe ngesonka. 7Bonile obawo betu, abaseko; tina izikohlakalo zabo sizitwele. 8Sipetwe zizicaka; akuko mntu okululayo ezandleni zazo. 9Isonka setu siyasizuza ngobomi betu, ngenxa yeṙele lasentlango. 10Intlonze yetu yaba mnyama njengeziko, ngenxa yolwopu lwendlala. 11Kwadlwengulwa abafazi e‐Ziyone, nentombi zipela ezixekweni zakwa‐Juda. 12Inkosana zixo̔nyiwe ngesandla sazo; abubekwanga ubuso babadala. 13Kwatatyatwa amadodana ukuba asile, nabafana baku̔beka ngapantsi kwenkuni. 14Abadala bapelile esangweni, namadodana ekuculeni kwabo. 15Lupelile uvuyo lwentliziyo yetu; kuguqulwe ukududa kwetu kwaba kulila. 16Siwile isitsaba sentloko yetu; hai ke usizi lwetu, ukuba sonile! 17Ngenxa yoku intliziyo yetu icubukile; ngenxa yezizinto amehlo etu aluzizi. 18Ngenxa yentaba ye‐Ziyone, ecitakeleyo; impungutye zihamba pezu kwayo. 19Wena, Yehova! uhleli ngonapakade; iterone yako ikwisizukulwana ngesizukulwana. 20Kunganina ukuba umane usilibala futi, nokuba usishiye ixesha elide kangaka? 21Sibuyisele kwa kuwe, Yehova! sasiya kubuya: twasisa imihla yetu njengokwakudala. 22Ngokuba okunene ugqibele ukusilahla; usiqumbele ngokukulu.
Currently Selected:
Izililo 5: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.