Izililo 3

3
1NDIYINDODA mna ebonileyo imbandezelo ngentonga yomsindo wake. 2Mna undikokele, wandihambisa ebumnyameni, engandihambisi emhlotsheni. 3Ngenyaniso ubuye waguqulela ngakum isandla sake imini yonke. 4Inyama yam nentlonze yam uzalupalisile; amatambo am uwapule. 5Wakile ngakum, wandipahla ngenyongo nenkatazo. 6Undihlalisile ezindaweni ezimnyama, njengabakade befile. 7Undibiyile ngamacala onke, ukuba ndingebe nako ukupuma: uwenze nzima umxokelelwane wam. 8Naxeshekweni ndikalayo, ndimemeze nokumemeza, uyabandeza umtandazo wam. 9Indlela zam uzibiyile ngamatye aqandulweyo; imizila yam uyenze goso. 10Ubenjengayo ibere elalelayo kum, njengengonyama ezindaweni zasese. 11Uzityekisile indlela zam, wandiqwenga ke: undenzile ocitakeleyo. 12Utyedile isipeta sake, wandimisela utolo njengomlinganiso. 13Intolo zompongolo wake uzingenisile emanqeni am. 14Ndaba sisihlekwa kubo bonke abantu bam; nengoma yabo imini yonke. 15Undihlutsile ngezinto eziṙaṙa; undinxilisile ngomhlonyane. 16Kanjalo uwapule amazinyo am ngohlalutye; undiselele ngotutu. 17Nompefumlo wam uwusunduzile eluxolweni; ndalibala inyweba. 18Ndati: Kububile amandla am, netemba lam kuyehova. 19Kumbula ukubandezelwa kwam nokutshutshiswa kwam, umhlonyane nenyongo. 20Uke ukumbule, ngokuba umpefumlo wam utotyelwe pantsi pakati kwam. 21Ndiyakumbuza umpefumlo wam oku:— kukona ndinetemba: 22Kungezibele zikayehova esingagqityelwanga, ngokuba inceba zake zingapeli. 23Zitsha imiso ngemiso; inkulu ke inyaniseko yako. 24Uyehova usisabelwa sam, utsho umpefumlo wam; kukona ndiya kutemba kuye. 25U‐Yehova ulungile kubo abamlindayo, kumpefumlo omfunayo. 26Kulungile ukuba kutenjelwe nokuba kulindwe usindiso lukayehova ngokuti cwaka. 27Kulungele umntu ukuba ayitwale iyokwe ebutsheni bake. 28Uyahlala yedwa, uti cwaka, ngokuba yena emtwesile. 29Uyafaka umlomo wake elutulini; kungati kuko itemba. 30Isidlele uyasinikela lowo umbetayo; ukolisile ukugxekwa. 31Ngokuba inkosi ingayi kulahla kude kube ngunapakade. 32Koko ukuba iyenza lusizi, iya kuba nenceba noko njengobuninzi bezibele zayo. 33Ngokuba ingababandezeli ngokwentliziyo, ingabenzi lusizi kanjalo, onyana babantu. 34Ukuba umntu ancinezele ngapantsi kwenyawo zake bonke ababanjwa belizwe; 35ukuba kutyekiswe ibango lomntu pambi kwobuso bopezu kwonke; 36ukuba kwoniwe umntu etyaleni lake; inkosi ayikolwa kuko. 37Ngubanina lowo uxelayo, kuze kwand’ ukubako, ingayalelanga inkosi? 38Akupumi na emlonyeni wopezu kwonke okubi nokulungileyo? 39Uyagungqela nina umntu ohleliyo, umntu ke ngenxa yokwohlwayelwa izono zake? 40Masipande imikwa yetu siyibence, siguqukele kuyehova. 41Masipakamisele intliziyo zetu kunye nesandla kutixo osezulwini; sisiti: 42Sigqitile tina senza ngokungeva; akuxolelanga wena. 43Usigubungele ngengqumbo, usiputumile; ubulele, ungabanga nanceba. 44Uzigubungele ngelifu, ukuze ungacandi namnye umtandazo. 45Usenzile sibe yinkunkuma nento yokulahlwa pakati kwezizwe. 46Zonke intshaba zetu ziyasakamela ngemilomoyazo. 47Sihlelwe sisoyikiso nesihogo, lucitakalo nembujiswa. 48Iliso lam liyahlisa imijelo yamanzi ngenxa yembujiswa yentombi yabantu bam. 49Iliso lam liyatyityi zela lingapezi, ngokuba kungeko izinqumamo, 50ade akangele pantsi uyehova, abone esezulwini. 51Iliso lam liyandivisa ubuhlungu ngenxa yazo zonke intombi zesixeko sam. 52Bandizingele kakulu njengentaka, abazintshaba zam kungeko nto. 53Bandinqamlile ubomi emnxunyeni, baposa ilitye pezu kwam. 54Amanzi ela pezu kwentloko yam; ndati: Ndinqamkile. 55Ndabiza igama lako, Yehova! kwa semnxunyeni wasezantsi kanye. 56Ilizwi lam waliva: ungafihli indlebe yako ekupefumleni kwam, ekukaleni kwam. 57Wasondela emhleni ndakubizayo; wati: Ungoyiki! 58Nkosi! uzipikisile impikiso zompefumlo wam: ubomi bam ubukulule. 59Yehova! ubonile ukwoniwa kwam; lungisa ityala lam. 60Ubonile yonke impindezelo yabo, onke amaqinga abo ngakum. 61Ukugxeka kwabo ukuvile, Yehova! onke amaqinga abo ngakum; 62iziteto zabo bandisukelayo, namacebo abo ngakum imini yonke. 63Kangela ukuhlala kwabo nokusuka kwabo: ndiyingoma yabo mna. 64Buyekeza kubo ngokubafaneleyo. Yehova! njengokwomsebenzi wezandla zabo. 65Banike ubulukuni bentliziyo; isiqalekiso sako sibe pezu kwabo! 66Baputume ngengqumbo, ubatshabalalise pantsi kwamazulu kayehova.

Currently Selected:

Izililo 3: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena