U‐Yoshuwa 9

9
1KWAYE kute, bakuva oku bonke okumkani abanganeno kwe‐Yoredane, ezintabeni, nasezihlanjeni, nakulo lwonke unxweme lwolwandle olukulu malungana ne‐Lebanone, ama‐Hete, naba‐Amori, naba‐Kanane, nama‐Perizi, nama‐Hivi, nama‐Yebusi, 2bandula bahlanganisana ndawonye, ukuze kuliwe no‐Yoshuwa no‐Sirayeli, ngentliziyo nye.
3Kodwa abemi base‐Gibeyone, bakuva oko okwenziweyo ngu‐Yoshuwa e‐Jeriko nase‐Hahai, 4bati ke bona benza ngobuqokolo, baya bahamba njengabatunywa, batabata inxowa ezindala emaqwaṙasheni abo, nentsuba zeveyine, ezindala, eziṙazukileyo, ezibotshiweyo; 5nezihlangu ezidala, ezineziziba, ezinyaweni zabo, nezivato ezidala pezu kwabo; kanjalo sonke isonka sompako wabo sasomile, sasingundile. 6Bahamba baya ku‐Yoshuwa emnqubeni e‐Gilegale, bati kuye nakumadoda akwa‐Sirayeli: Sivela elizweni elikude; keniti kaloku nenze ucebano nati. 7Aza amadoda akwa‐Sirayeli ati kuma‐Hivi lawo: Ngati umhlaumbi nihleli pakati kwetu; sesiya kuti nina ke ukwenza ucebano nani? 8Aye esiti ku‐Yoshuwa: Sizizicaka zako. Wati u‐Yoshuwa kuwo: Ningobanina? nivela pina? 9Aza ati kuye: Kusezweni elikude kakulu izicaka zako zivelayo, ngenxa yegama likayehova, utixo wako: ngokuba udumo lwake siluvile, nako konke abekwenza e‐Jipete, 10nako konke akwenzileyo kokumkani bobabini baba‐Amori, abebepesheya kwe‐Yoredane, ku‐Sihone ukumkani we‐Heshebone, naku‐Hogi ukumkani we‐Bashane, obehleli e‐Hashetarote. 11Ngako babesitsho kuti abadala betu, nabo bonke abemi belizwe letu, ukuti: Tabatani ezandleni zenu umpako wendlela, nihambe niye kubakaulela, niti kubo: Sizizicaka zenu; keniti kaloku nenze ucebano nati. 12Esi isonka setu sasitabatela umpako wetu sishushu ezindlwini zetu, ngemini sapumayo ukuya kuni; kanti kaloku, nasi sesomile, sasingundile kanjako: 13nentsuba ezi zeveyine, esazizalisayo, zazintsha; kanti ke, nanzi seziṙazukile; nezi izivato zetu nezihlangu zetu sezidala ngenxa yokuba kude kakulu kwendlela.
14Aza amadoda atabata kumpako wawo, engabuzanga emlonyeni kayehova. 15Wandula u‐Yoshuwa wenza nawo uxolo, wati kanjalo wenza nawo ucebano lwokuba awalondoloze ebomini: zaye ziwafungela nenkosi zentlanganiso.
16Kwabekute ekupeleni kwemihla mitatu emveni kwokuba babelwenzile ucebano nawo, kwavakala kubo ukuba angabamelwane babo, nokuba ahlala pakati kwabo. 17Lwaza lwanduluka usapo luka‐Sirayeli, lwafika ezixekweni zawo ngomhla wesitatu. Kekaloku izixeko zawo zaziyi‐Gibeyone, ne‐Kefira, ne‐Berote, ne‐Kiriyate‐yarime. 18Kodwa usapo luka‐Sirayeli alwawabeta, ngokuba inkosi zentlanganiso ziwafungele uyehova, utixo wo‐Sirayeli: ngako yaṙoṙa yonke intlanganiso ngakuzo inkosi ezo. 19Zandula zati zonke inkosi kuyo yonke intlanganiso: Sesiwafungele uyehova, utixo wo‐Sirayeli; kukona sikohlwayo ukuwacukumisa. 20Oku siya kukwenza kuwo, siwalondoloze kwa sebomini, ukuba kungabiko umsindo pezu kwetu, ngenxa yesifungo esasiwafungela ngaso. 21Zaye zisiti kubo inkosi: Makahlale ekudliweni kwobomi; — aza aba ngabagauli benkuni nabakeleli bamanzi kuyo yonke intlanganiso, njengokuba inkosi zibe zitshilo kuwo.
22Waza u‐Yoshuwa wawabiza, wateta kuwo, esiti: Yinina ukuba nisibukuqile ngokuti: Sikude kakulu kuni, nxa nihleliyo pakati kwetu? 23Ngako kaloku niqalekisiwe; ngokuba kungayi kunqamka kuni izicaka, nabagauli benkuni, nabakeleli bamanzi, ngenxa yayo indlu katixo wam. 24Ampendula u‐Yoshuwa ati: Ngokuba bekuqiniswa ukuxelwa ezicakeni zako, okokuba uyehova, utixo wako, umyalele u‐Mosesi, isicaka sake, ukuba aninike lonke elilizwe, nokuba abatshabalalise bonke abemi belizwe kwa pambi kwenu, kukona sabesiboyikela ubomi betu kakulu, sada sayenza lento. 25Kodwa kaloku, nanku sisesandleni sako; yenza ke, njengokulungileyo nanjengokufaneleyo emehlweni ako ukwenza kuti. 26Wenje njalo ke kuwo, wawasindisa esandleni sosapo luka‐Sirayeli, ukuba alwawabulala. 27Waza u‐Yoshuwa kwa ngalomini wawenza abagauli benkuni nabakeleli bamanzi entlanganisweni, nasesibingelweni sikayehova, kwada kwanamhla nje, kulondawo eya kunyulwa nguye.

Currently Selected:

U‐Yoshuwa 9: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena