U‐Yoshuwa 11
11
1KWAYE kute, xeshekweni u‐Yabine, ukumkani we‐Hatsore, abevile oku, wandula watuma ku‐Jobabe ukumkani we‐Madone, nakukumkani we‐Shimrone, nakukumkani we‐Kashafe, 2nakokumkani abangasenode ezintabeni, nasetafeni ngecala lasesuyide le‐Kinerete, nasezihlanjeni, nasezindulini zase‐Dore ngaselwandle, 3nakubo aba‐Kanane ngasempumalanga nangasentshonalanga, naba‐Amori, nama‐Hete, nama‐Perizi, nama‐Yebusi ezintabeni, nama‐Hivi ngapantsi kwe‐Heremone elizweni le‐Mitsipe. 4Bapuma ke, bona nayo yonke imikosi yabo kunye nabo, into eninzi yabantu, njengentlabati eselunxwemeni lwolwandle ukuba baninzi, kwa namahashe nenqwelo zokulwa ngento eninzi kakulu. 5Bati bakuba behlanganisene bonke okumkani aba, beza bati waca ndawonye ngasemanzini e‐Merome, ukuba kuliwe no‐Sirayeli.
6Waza uyehova wati ku‐Yoshuwa: Ungoyiki ngenxa yabo; ngokuba ngomso malunga nelixesha ndiya kubanikela bonke bengababuleweyo ebusweni bo‐Sirayeli: amahashe abo uya kuwasika umbotshwa, nenqwelo zabo wozitshisa ngomlilo. 7Waya u‐Yoshuwa, nabo bonke abantu bokulwa kunye naye, wabazuma ngasemanzini e‐Merome; baza babawela ke. 8Wandula uyehova wabanikela esandleni so‐Sirayeli, abababeta, babasukela kude kwase‐Tsidone enkulu, nakude kwase‐Miserefote‐mayime, nakude kwasemhlanjeni we‐Mitsipe ngasempumalanga; baye bebabeta, bada ababashiyela namnye oseleyo. 9Waza u‐Yoshuwa wenza kubo njengokuba ebemxelele uyehova: amahashe abo wawasika umbotshwa, nenqwelo zabo wazitshisa ngomlilo.
10Wayebuya u‐Yoshuwa ngexesha elo, wayitimba i‐Hatsore; nokumkani wayo wambeta ngeṙele: ngokuba i‐Hatsore ngapambili ibiyintloko yabo bonke ubukumkani obo. 11Baye bebeta yonke imipefumlo ebikuyo ngohlangoti lweṙele, beyilahlela ekutshatyalalisweni: akwasala namnye opefumlayo: ne‐Hatsore wayitshisa ngomlilo. 12Zonke izixeko zokumkani abo, nabo bonke okumkani bazo, wabatimba u‐Yoshuwa, wababeta ngohlangoti lweṙele, ebalahlela ekutshatyalalisweni, njengokuba wabeyalela u‐Mosesi, isicaka sikayehova. 13Kodwa zonke izixeko ezibe zimi emimangweni yazo o‐Sirayeli abazitshisa; kupela yi‐Hatsore yodwa wayitshisa u‐Yoshuwa. 14Nawo onke amaxoba ezizixeko, nenkomo, lwazipangela zona usapo luka‐Sirayeli: kodwa bonke abantu lwababeta ngohlangoti lweṙele, lwada lwabatshabalalisa; alwashiya namnye opefumlayo. 15Njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi, isicaka sake, kwa njalo u‐Mosesi wamyalela u‐Yoshuwa; waye u‐Yoshuwa esenje njalo ke; akabeka nxamnye nanye into kuko konke uyehova abemyalele u‐Mosesi ngako.
16Kwa njalo u‐Yoshuwa watabata lonke elozwe, elasezintabeni, nalo lonke elasesuyide, nalo lonke ilizwe le‐Goshene, nelezihlambo, neletafa, nentaba yakwa‐Sirayeli, nesihlambo sakuyo; 17kwa sentabeni ye‐Halaki, enyukayo ngase‐Sehire, nakude kwase‐Bali‐gadi emhlanjeni we‐Lebanone, ngapantsi kwayo intaba ye‐Heremone: nabo bonke okumkani babo wababamba, wababeta, wabafisa. 18Yabi‐yimihla emininzi wenza u‐Yoshuwa imfazwe ngakubo bonke okumkani aba. 19Kwaye kungeko isixeko esenza uxolo nosapo luka‐Sirayeli, ngapandle kwama‐Hivi, abemi base‐Gideyone: zonke lwazitimba ngokulwa. 20Ngokuba bekuvela kuyehova ukugwenxisa intliziyo zabo, ukuba bapumele o‐Sirayeli ukulwa, ukuze babalahlele ekutshatyalalisweni, ukuba kungabiko kubo ufefe, kodwa ukuze babatshabalalise, njengokuba uyehova wabemyalela u‐Mosesi.
21Kweza u‐Yoshuwa ngexesha elo, wacita ama‐Hanaki ezintabeni, e‐Hebrone, e‐Debire, e‐Hanabi, nakuzo zonke intaba zakwa‐Juda, nakuzo zonke intaba zakwa‐Sirayeli: u‐Yoshuwa wawalahlela ekutshatyalalisweni kunye nezixeko zawo. 22Akwabi sashiywa ama‐Hanaki elizweni losapo luka‐Sirayeli: kupela e‐Gaza nase‐Gate, nase‐Ashedode, kwako aseleyo.
23Kwa njalo u‐Yoshuwa watabata lonke elozwe, njengako konke abekutetile uyehova ku‐Mosesi; waye u‐Yoshuwa walinika libe lilifa ko‐Sirayeli, njengezahlulo zabo ngezizwe zabo.
Laza ilizwe lapumla emfazweni.
Currently Selected:
U‐Yoshuwa 11: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.