U‐Jobi 37
37
1Okunene pezu kwoku iyangcangcazela intliziyo yam, iyantontoza isuke endaweni yayo. 2Pulapulani kakulu ukudandata kwelizwi lake, nokudumzela okupumayo emlonyeni wake! 3Ngapantsi kwezulu lonke uyalondisa, nemibane yalo ngasezincameni zomhlaba. 4Emva kwayo kugquma ilizwi; uyaduduma ngelizwi lesitomo sake; akayilibazisi nxa livakeleyo ilizwi lake. 5Utixo uyaduduma ngelizwi lake ngokungummangaliso; izinto ezinkulu uyazenza, esingenakuzazi. 6Ngokuba esitsho kwingqweqwe ukuti: Yibako emhlabeni; utsho nakuwo, umvumbi wemvula, kwa umvumbi wemvula ezinkulu zake. 7Isandla soluntu lwonke uyasincamatisela, ukuba babe nokwazi bonke abantu abenzileyo. 8Ziti izilo zingene ezindaweni zokulala, zihlale eminxunyeni yazo. 9Kuvela isaqwiti ezinkambilini zasesuyide, nengqele enode. 10Ngokupefumla kukatixo kunikwa iliqwa, buti ububanzi bamanzi buxinane. 11Kanjalo ngokunyakama uyadinisa ilifu elibungqingqwa; uyapangalalisa ilifu lokubaneka lake; 12lona liyajikajika ngamacala onke ngokukapa kwake; ukuze enze konke awayalela ngako, pezu kwobuso bendawo ezimiweyo zomhlaba; 13nokuba kungenxa yokubeta, nokuba kungenxa yelizwe lake, nokuba kungenxa yobubele, alifikisayo.
14Nikela oku indlebe, Jobi! yima, ugqale imimangaliso katixo. 15Uyazi na nxa utixo abeka inkumbulo pezu kwazo ezizinto, nanxa akazimlisa ukukanya kwelifu lake? 16Uyaqonda na ukujingiswa kwamafu; imimangaliso yalowo ufezekileyo ngokwazi? 17Uyaqonda na ziti nina ingubo zako ukufudumala, akuzolisa umhlaba ngomoya wasesuyide? 18Ulitwabulule na kunye naye izulu, elomeleleyo njengesikangeliselo esityityishiweyo? 19Sazise into siya kuyiteta kuye; ngokuba singeyilungiselele tina ngenxa yobumnyama. 20Kuya kumtyelwa na ukuba ndiya kuteta? ukuba bekuya kutsho umntu, ngenyaniso ngeeginywa. 21Ngokuba kaloku kungebonelwe ukukanya, kwakukazimla ezulwini, nxa udlulileyo umoya, walenza lisile. 22Enode kuvela igolide; ngakuye utixo kuko ubungangamsha oboyikekayo. 23Usomandla, asingemfumane! emkulu ngamandla nangobugwebo, nangobuninzi bobulungisa; akayi kubandezela. 24Ngako oko abantu bayamoyika: akaboni abalumkileyo ngentliziyo noko amnye.
Currently Selected:
U‐Jobi 37: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.