U‐Jobi 27
27
1WALEKELA u‐Jobi wahambisa isiteto sake, wati:
2Ehleli nje utixo, osusileyo ibango lam, nosomandla, owenze ṙaṙa umxe̔lo wam; 3kwa lonke ixesha umpefumlo wam ukum, nomoya katixo usempumlweni yam; 4awusayi kuteta umlomo wam ubumenemene, nolwimi lwam aluyi kuxela inkohliso. 5Makube kude kum ukuba nditi niyalungisa: kwa kude ndibube andisayi kushenxisa kum ubunene bam. 6Ubulungisa bam ndiyabubamba; andiyi kubuyekelela: intliziyo yam ayinditukeli namnye wemihla yam.
7Olutshaba lwam makabe njengokohlakeleyo, nondisukelayo njengolimenemene. 8Ngokuba liyinto nina itemba lomginwa, nakuba aqwebayo, okuya utixo aya kuhluta umpefumlo wake? 9Ukukala kwake wokuva na utixo, akufikelwa bubunzima? 10Woziyolisa kusomandla na? uya kubiza kutixo ngamaxesha onke na?
11Ndonifundisa ngokwesandla sikatixo; oko kukuye usomandla andiyi kukusitelisa. 12Bona ke, nina nonke nikubonile ngokwenu: kunganina ngoko ukuba nibidize kangaka? 13Oku kusisabelwa somntu okohlakeleyo kutixo, nelifa lababandezeli abalamkelayo kusomandla. 14Ukuba baya kwanda abantwana bake, baya kwandela iṙele; nabazukulwana bake abayi kuhluta sisonka. 15Abo bamsaleleyo boncw̔atyelwa ekufeni, nabahlolokazi bake abayi kulila. 16Ukuba uya kufumbelela isilivere njengotuli, alungise nezivato njengodongwe; 17angazilungisa ke, kodwa olungileyo wozambata, nesilivere ongenatyala uya kuyaba. 18Indlu yake uyakile njengenundu, nanjengepempe ayenzayo umlindi. 19Osityebi wolala pantsi, kanti akayi kubutelwa; uyavula amehlo ake, akaseko, 20izituso ziya kumfumana njengamanzi; isaqwiti siyamtimba ebusuku. 21Umoya wasempumalanga uyamsusa, emke ke; ewe uyamkukulisa endaweni yake ngoqwitela. 22Ngokuba u‐Tixo eya kuposa pezu kwake, engenanceba nje; wonga angasaba esandleni sake. 23Abantu baya kwenza intlombe ngezandla zabo pezu kwake, bamenzele namakwelo apume endaweni yake.
Currently Selected:
U‐Jobi 27: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.