U‐Jobi 21

21
1WAZA wapendula u‐Jobi, wati:
2Kutalani ukupulapula isiteto sam; makuti oku kube zizonwabiso zenu. 3Ndinyamezeleni, ndandiya kuteta; uti emveni kwokuteta kwam uhleke. 4Okwam, ukukalaza kwam kusemntwini na? nokuba bekunjalo, kunganina ukuba umoya wam ungabi nakucapuka? 5Kangelani kum, niti nqa, nibeke isandla pezu kwomlomo. 6Kwa ndisakumbula ndinokunkwantya; inyama yam iyabanjwa kukungcangcazela.
7Kunganina ukuba abakohlakeleyo badle ubomi, bakule ebudaleni, ewe bande ebutyebini? 8Inzalo yabo iyamiswa ebusweni babo kunye nabo, nabazukulwana babo pambi kwamehlo abo. 9Izindlu zabo zonwabile kungeko kwoyika; kanjalo intonga katixo ayipezu kwabo. 10Inkunzi yabo iyazeka, ingali ke; imazi yabo iyazala, ingapunzi ke. 11Intsatshana zabo bayazikupa njengomhlambi, nabantwana babo bayadloba. 12Bayapakamisa ilizwi ngentambula nohadi, bagcobela intlokoma yomlozi. 13Bayagqiba imihla yabo ebutamsanqeni, bade bati gqwe ukuhlela encw̔abeni. 14Bati noko kutixo: Pambuka kuti; ngokuba ukwazi indlela zako singakutandi. 15Uyinina usomandla, ukuba simkonze? kanjalo siya kuncedwa nto nina, ukuba sitandaze kuye?
16Bona ke, ubutamsanqa babo abusesandleni sabo. Iqinga labakohlakeleyo malibe kude kum! 17Kufuti kangakananina ukuba isibane sabakohlakeleyo siyacinywa, nokuba intshabalalo yabo iyabafikela? u‐Tixo uyababela intlungu ngengqumbo yake. 18Banjengenca pambi kwomoya, nanjengomququ okukuliswayo sisaqwiti. 19Utixo uyabekelela abantwana bake inkohlakalo yake; uyabuyekeza kuye, uti yena akwazi. 20Awake amehlo ayabona ingozi yake; uyasela emsindweni wosomandla. 21Ngokuba enenyamekelo yanina kwindlu yake emveni kwake, lakuba lise linqanyulwa inani lenyanga zake?
22Kwofundiswa utixo ukwazi na, lowo ogweba abapezulu nje? 23Omnye uyabuba enywebeni enkulu, onwabile kanye, enqabile. 24Amacala ake azele linqata, nommongo wamatambo ake unyakamile. 25Omnye uyabuba ebuṙaṙeni bompefumlo, engezanga abudle ubutamsanqa. 26Bayafana ukulala kwabo elutulini; impetu ziyabagubungela bobabini.
27Bona ke, ndiyazi izicamango zenu, namaqinga enindibandezela ngawo. 28Ngokuba nisiti: Ipina indlu yenkosi? zipina intente zokuhlala kwabakohlakeleyo? 29Anizanga nibuze na abo badlula endleleni? nempau zabo anizazi na; — 30ukuba okohlakeleyo ulindiselwa imini yentshabalalo; ukuba bayatwalelwa emini yomsindo? 31Ngubanina oya kuxela ngasebusweni bake indlela yake? akuyenza into, ngubanina oya kupindezela kuye? 32Kwa yena uyatwalelwa emancw̔abeni; napezu kwemfumba kuyalindwa. 33Amnandi kuye amagada entili; bonke abantu botsalela emva kwake, njengapambili kuye, bengenakubalwa. 34Yinina ngoko ukuba nifumana ninditutuzela, kusele ubumenemene nje ezimpendulweni zenu?

Currently Selected:

U‐Jobi 21: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena