U‐Jobi 16

16
1WAZA wapendula u‐Jobi, wati:
2Zininzi izinto ezinjalo endizivileyo; ningabatutuzeli abayinkatazo nina nonke. 3Kuko ukupela na emazwini omoya? okunye utelekiswa yinto nina ukuba upendule? 4Bendingatetayo nam njengani, ukuba umpefumlo wenu ubusesikundleni sompefumlo wam; bendingawafumbelelayo amazwi ngakuni, ndinihlunguzele intloko yam. 5Kodwa ngendinomeleza ngomlomo wam, nokushukuma kwodebe lwam ngekudambisa. 6Ukuba bendiya kuteta, akuyi kudanjiswa ubuhlungu bam; nokuba bendiya kuyeka, ndiya kumkelwa yinto nina?
7Okunene kaloku undidinisile: ucitakalisile wena wonke umhlambi wam; 8waye undibambile mna, kwaba linqi̔na oko; lwaluvuka ngakum ubityo lwam, luyanqi̔na ngasebusweni bam, 9ingqumbo yake iqwengile, uyandizonda; unditshixizele ngamazinyo ake: utshaba lwam luwabazile amehlo alo ngakum. 10Bandakamele ngomlomo wabo; bandibetile esidleleni ngokucekisa; bayandiṙaula kunye.
11 Utixo undinikele kolimenemene, wandeyelisela ezandleni zabakohlakeleyo. 12Bendisekwonwabeni, kodwa wandingcangcazelisa: undibambile ngentamo, wanditi viti; wandimisa ndibe ngumlinganiso kuye. 13Abatoli bake bayandingqonga; uyacanda izintso zam, engenanceba nje; uyapalazela emhlabeni inyongo yam. 14Uyandityobozela ngesityobozelo pezu kwesityobozelo, uyandibalekela njengegoṙa. 15Nditungile intlakantlaka pezu kwentlonze yam; ndingenisile upondo lwam elutulini. 16Ubuso bam budumbile kukulila; isitunzi sokufa sipezu kwenkope zam: 17nokokuba akuko budlwengu ezandleni zam, nokuba umtandazo wam ungcwele. 18Mhlaba! ungaseleli igazi lam; makungabi nandawo nokubiza kwam. 19Ewe, kaloku nje, naliya inqi̔na lam ezulwini, nomboneli wam ezinyangweni.
20Abo bandigculelayo ngabahlobo bam; koko iliso lam litontsela kutixo. 21Akwaba bekungatetelelwayo indoda pambi kwotixo, njengokuba unyana woluntu etetelela umlingane wake! 22Ngokuba yiminyaka emincinane eya kuza, ndandiya kuhamba indlela endingayi kubuya ngayo.

Currently Selected:

U‐Jobi 16: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena