Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Johane 8:1-11

Ivangeli ka‐Johane 8:1-11 XHO1902A

Kodwa u‐Yesu waya entabeni yeminquma. Kekaloku kusasa wabuya wafika etempileni, bati bonke abantu beza kuye; waza wahlala pantsi, wabafundisa. Kekaloku ababa̔li nabafarisi bazisa kuye umfazi ebanjiwe ekuṙexezeni; baza bakuba bemmisile pakati, bati kuye: Mfundisi! lomfazi watiwa xafu eṙexeza: kekaloku emtetweni u‐Mosesi wasiyalela ukuba abanjalo bagityiselwe ngamatye; wena pofu uti nina? Babesitsho bemlinga, ukuze babe nako ukumnika ityala. Kodwa u‐Yesu watoba pantsi, waba̔la ngomnwe emhlabeni. Koko xeshekweni bebemana bembuza, wazipakamisa, wati kubo: Ongenasono pakati kwenu, makabe nguye oqala ukuposa ilitye ngakuye. Waza wabuya watoba pantsi, waba̔la emhlabeni. Kodwa bona bevile nje, benqi̔niselwa luvalo lwabo kanjalo, bapuma omnye ngomnye, beqala kubo abadala, kwada kwaba ngabokupela: waza u‐Yesu washiywa yedwa, nomfazi emi pakati. Kekaloku akuba ezipakamisile u‐Yesu, engaboni mntu kupela umfazi lowo, wati kuye: Mfazi! bapina abo abakunika ityala? akuko namnye owakugweba na? Wati ke yena: Namnye, Nkosi! Wayesiti u‐Yesu kuye: Nam andikugwebi; hamba, ungabi sona.