Ivangeli ka‐Johane 21
21
1EMVENI kwezizinto wabuya wazibonakalisa u‐Yesu kubadisipile, ngaselwandle lwase‐Tiberiyasi: kwaye kunje ke ukuzibonakalisa kwake: 2Bebeko ndawonye u‐Simone Petrosi, no‐Tomasi okutiwa ngu‐Didimusi, no‐Natanayeli wase‐Kana ese‐Galili, nabo onyana baka‐Zebedi, nabanye kubo abadisipile bake bebabini. 3Wati kubo u‐Simone Petrosi: Ndiyahamba ukuya kuloba intlanzi. Bati kuye: Siyeza nati kunye nawe. Bapuma ke, baya bangena enqanaweni kwa oko; kanti ngobobusuku ababamba nto.
4Kekaloku kwakuba kuse kusile, wema u‐Yesu elunxwemeni: kodwa bebengazi abadisipile noko ukuba ngu‐Yesu. 5Wandula wati kubo u‐Yesu: Bantwana! kuko intlanzi eninayo na? Bati ukumpendula: Hai. 6Waza wati kubo: Posani utambo ngelokunene icala lenqanawa, naniya kufumana. Baluposa ke, baza basebekohlwa ukulutsala ngenxa yobaninzi bentlanzi. 7Wati ngoko umdisipile lowo obetandwa ngu‐Yesu ku‐Petrosi: Yiyo inkosi. Wandula u‐Simone Petrosi, akuva ukuba yiyo inkosi, wazibinqa ngengubo yake yapezulu, (ngokuba ebeze,) waziwisa elwandle. 8Kodwa abanye abadisipile beza ngomkombe, (ngokuba bebengekude nomhlaba, bebengati bazikubite ezimakulu mabini ukuba kude kwabo,) ber̔ola utambo lunentlanzi. 9Bandula bati bakupumela emhlabeni, babona umlilo wamalahle umi kona, nentlanzi ilele pezu kwawo, nesonka. 10Wati kubo u‐Yesu: Zisani kwezontlanzi nizibambileyo ngoku. 11Wenyukela emkonjeni u‐Simone Petrosi, walutsala utambo pezu kwomhlaba, luzelezintlanzi ezinkulu, zilikulu elinamashumi mahlanu anantatu: kanti nangona zibe zininzi kangaka, alwaṙazuka utambo. 12Wati kubo u‐Yesu: Yizani nidle. Kekaloku bekungeko namnye wabadisipile obenokukalipa kwokumbuza ukuti: Ungubanina? besazi ukuba yiyo inkosi. 13Wandula weza u‐Yesu, watabata isonka eso, wabanika; wenje njalo nangentlanzi.
14Eli selilixesha lesitatu wazibonakalisayo u‐Yesu kubadisipile bake, akuba ebevukile ekufeni.
15Kekaloku xeshekweni bebedlile, wati u‐Yesu ku‐Simone Petrosi: Simone, nyana ka‐Jona! uyanditanda na ngokukulu kubo aba? Wati kuye: Ewe, Nkosi! uyazi ukuba ndiyakutanda. Wati kuye: Dlisa imvana zam ukutya. 16Wati kuye kanjako ngokwesibini: Simone, nyana ka‐Jona! uyanditanda na? Wati kuye: Ewe, Nkosi! uyazi ukuba ndiyakutanda. Wati kuye: Yalusa izimvu zam. 17Wati kuye ngokwesitatu: Simone, nyana ka‐Jona! uyanditanda na? Waba lusizi u‐Petrosi ukuba wati kuye ngokwesitatu: Uyanditanda na? Waza wati kuye: Nkosi! uyazazi zonke izinto; uyazi ukuba ndiyakutanda. Wati u‐Yesu kuye: Dlisa izimvu zam ukutya. 18Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuwe: Okuya ubusemtsha, ubuzibinqa ngokwako, wahamba apo ubutanda ukuhamba kona; kodwa xeshekweni uba mdala, uya kuzolula izandla zako, waeya kuti omnye akubinqe, akuse apo ungatandi ukuya kona. 19Oku ke wakutsho, eqondisa ukuba kukufa okunina uya kumenzela utixo ubungewalisa ngako. Waza akuba ebetshilo oku, wati kuye: Ndilandele.
20Waza u‐Petrosi, ejikile nje, wabona lomdisipile obetandwa ngu‐Yesu elandela; obete kanjalo wahlala pantsi esidlweni sokuhlwa ngasesifubeni sake, wati: Nkosi! ungubanina okungcatshayo? 21Wati u‐Petrosi ku‐Yesu, akumbona lo: Nkosi! naló wotiwa nina? 22Wati u‐Yesu kuye: Ukuba ndiyatanda okokuba ahlale yena ndide ndize, kuyinto nina kuwe oko? ndilandele wena. 23Kwandula kwapuma isiteto esi pakati kwabazalwana, sokuba umdisipile lowo akayi kufa: kanti u‐Yesu akatsho kuye ukuti, akayi kufa; wati: Ukuba ndiyatanda okokuba ahlale yena ndide ndize, kuyinto nina kuwe oko?
24Lo unguye umdisipile onqi̔nayo ngazo ezizinto, owaziba̔layo kanjalo; siyazi ke ukuba ubunqi̔na bake buyinene.
25Kuko kwa nezinye izinto ezininzi owazenzayo u‐Yesu, eziti, ukuba beziya kuba̔lwa ezinye ngezinye, ndiba kwa lona ilizwe ngelingazifumaneli indawo incwadi ezibe ziba̔lwa. Amene.
Currently Selected:
Ivangeli ka‐Johane 21: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.