U‐Jeremiya 9

9
1Ayaba intloko yam ibingamanzi, namehlo am ebengumtombo wenyembezi, ukuba ndilile emini nasebusuku ngenxa yababuleweyo bentombi yabantu bam!
2AKWABA ndabendinayo entlango indawo yokulalisa yabahambi! ukuba ndibashiye abantu bam, ndimke kubo: ngokuba bengabo abaṙexezi bonke, intlanganiso yabenzayo ngenkohliso. 3Bayagoba ulwimi lwabo, njengesipeta sabo, ngobuxoki, bengenabuṙoti ngenxa yenyaniso elizweni; ngokuba bepuma kwenye inkohlakalo baye kwenye inkohlakalo, bengazanga mna, utsho uyehova. 4Lumkelani omnye ngomnye umhlobo wake, ningatembeli nakomnye umzalwana; ngokuba bonke abazalwana beya kulumkisa kupela, nabo bonke abahlobo bohambahamba behleba. 5Abanye ngabanye baya kulukuhla umhlobo wabo, nenyaniso abayi kuyiteta; bafundisile ulwimi lwabo amazwi obuxoki, bayazidinisa ukwenza ngobugwenxa. 6Intlalo yako ipakati kwenkohliso; ngayo inkohliso bayala ukwazi mna, utsho uyehova. 7Ngako oko utsho uyehova wemikosi ukuti: Bona ke, ndobanyibilikisa ndibalinge; ngokuba ndingati nina ukwenza ngakumbi ngenxa yentombi yabantu bam? 8Ulwimi lwabo lutolo olubulalayo, luyateta inkohliso; ngomlomo wabo bayateta uxolo abanye ngabanye kumhlobo wabo, kanti pakati kwabo bayabeka isilalelo sabo. 9Andiyi kubohlwaya na ngenxa yezizinto? utsho uyehova; umpefumlo wam awuyi kuzipindezela na pezu kwesizwe esinjengesi? 10Ndiya kuhlabela isililo nesikalo ngenxa yentaba, nesijwili ngenxa yamaṙiwa entlango; ngokuba zitshisiwe, kungeko namntu odlulayo; akuvakali ilizwi lenkomo; kwa nentaka zezulu nezilo zibalekile, zimkile. 11Ndandiya kuyenza i‐Yerusaleme ibe zimfumba, indawo yokuhlala yempungutye; nezixeko zakwa‐Juda ndiya kuzenza ingcitakalo, kungeko ohlala kuzo.
12Ingubanina indoda elumkileyo, ukuba iqonde oku? ungubanina nalowo umlomo kayehova utetile kuye, ukuba akuxele? kungenxa yanina ilizwe litshabalele, litshisiwe njengentlango, kungeko odlulayo? 13Wayesiti uyehova: Ngokokuba beshiyile umteto wam endiwubekileyo pambi kwabo, bengapulapulanga ilizwi lam, bengahambanga ngawo kanjalo; 14koko belandele ubulukuni bentliziyo yabo, nabo o‐Bali, oko bebekufundiswa ngoyise babo: 15ngako oko utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Bona ke, ndiya kubadlisa abantu aba umhlonyane, ndibaseze amanzi enyongo. 16Ndobati sa pakati kwabaheyideni, abebengabazi, kwa bona noyise babo; ndandiya kutuma emva kwabo iṙele, ndide ndibagqibele.
17Utsho uyehova wemikosi ukuti: Gqalani, nibabize abalilikazi, ukuba beze; namalumkokazi niwatumele ukuba eze. 18Ewe, mabanxa̔me basihlabelele isikalo, ukuze amehlo etu atyityizele ngenyembezi, nenkope zetu zitontsele amanzi. 19Ngokuba ilizwi lesikalo livakala livela e‐Ziyone: Hai ukucitakaliswa kwetu! sidanile kakulu; ngokokuba sishiyile ilizwe, ngokokuba bewisile intlalo zetu. 20Yivani kodwa, bafazi! ilizwi likayehova, iti indlebe yenu ilamkele ilizwi lomlomo wake; nize nifundise intombi zenu isikalo, nabanye ngabanye mabafundise umlinganekazi wabo isililo. 21Ngokuba ukufa kunyukele ezifenstileni zetu, kungenile ezingxandeni zetu; kusika intsapo ngapandle, namadodana ezitarateni. 22Teta, utsho uyehova ukuti: Ewe, izidumbu zabantu ziya kuwa, njengobulongo, pezu kwobuso bomhlaba; nanjengesitungu emva kwomvuni, kungeko osibutayo.
23Utsho uyehova ukuti: Isilumko masingaqa̔yisi ngobulumko baso, neṙoti malingaqa̔yisi ngobuṙoti balo; isityebi masingaqa̔yisi ngobutyebi baso; 24koko lowo uqa̔yisayo makaqa̔yise ngoku, ukuba andiqonde andazi mna, ukuba ndi nguyehova, owenza ububele, nobugwebo, nobulungisa, emhlabeni; ngokuba ezizinto ndizitanda, utsho uyehova.
25Bona ke, imihla iyeza, utsho uyehova, nxa ndiya kubohlwaya bonke abalukileyo ndawonye nabangalukileyo: 26o‐Jipete, no‐Juda, no‐Edome, nosapo luka‐Hamoni, no‐Mowabi, nabo bonke abanqunyulwe amancam odevu, abahlala entlango; ngokuba zonke ezizizwe zingabangalukileyo, nayo yonke indlu ka‐Sirayeli ingabangalukileyo ngentliziyo.

Currently Selected:

U‐Jeremiya 9: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena