U‐Jeremiya 52

52
1EBEYIMINYAKA imashumi mabini anamnye u‐Zedekiya ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yalishumi elinamnye e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Hamutali, intombi ka‐Jeremiya, owase‐Libena. 2Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, njengako konke abekwenzile u‐Yoyakime. 3Ngokuba ngayo ingqumbo kayehova kweza oku pezu kwe‐Yerusaleme napezu kwo‐Juda, wada wabalahla ebusweni bake, ukuba u‐Zedekiya wavukela ngakuye ukumkani we‐Babilone.
4Kwaye kute ngomnyaka wesitoba wobukumkani bake, ngenyanga yeshumi, ngoweshumi umhla wenyanga, weza u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, yena nayo yonke impi yake, ngakuyo i‐Yerusaleme, bayiṙaula; baza baka inqaba zokulinda ngakuyo ngento engqongayo. 5Saye isixeko sisekuvingcelekeni kwada kwangumnyaka weshumi elinamnye wokumkani u‐Zedekiya. 6Ngenyanga yesine, ngowesitoba umhla wenyanga, isuke indlala yaba namandla esixekweni, kwada akwabiko isonka ebantwini belizwe. 7Sandula isixeko sagqojozelwa, ati onke amadoda okulwa esaba, apuma esixekweni ngobusuku, ngendlela yesango pakati kwendonga zimbini, elingasemyezweni wokumkani; ngokuba ama‐Kaledine ebengakuso isixeko ngokungqonga: aye ehamba ngendlela yetafa. 8Kodwa impi yama‐Kaledine yamputuma ukumkani, yamfumana u‐Zedekiya ematafeni ase‐Jeriko, nayo yonke impi yake icitiwe kuye. 9Baza bambamba ukumkani, bamnyusela kuye ukumkani we‐Babilone, e‐Ribela, elizweni le‐Hamati, owateta imigwebo pezu kwake. 10Waza ukumkani we‐Babilone wababulala onyana baka‐Zedekiya pambi kwamehlo ake; kanjalo nazo zonke inkosana zakwa‐Juda wazibulala e‐Ribela. 11Waudula wamfamekisa amehlo ka‐Zedekiya, wamnxiba ngamakamandela obedu; waza ukumkani we‐Babilone wamsa e‐Babilone, wamfaka entolongweni kwada kwangumhla wokufa kwake.
12Nangenyanga yesihlanu, ngoweshumi umhla wenyanga, yalomnyaka obungoweshumi linesitoba umnyaka wokumkani u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, weza u‐Nebuzaradane, inkosi yomlisela, owemayo pambi kwokumkani we‐Babilone, e‐Yerusaleme, 13watshisa indlu kayehova, nendlu yokumkani; nazo zonke izindlu zase‐Yerusaleme, kwa zonke izindlu zabakulu, wazitshisa ngomlilo. 14Nazo zonke indonga ze‐Yerusaleme ezingqongayo, yonke impi yama‐Kaledine, ebinayo inkosi yomlisela, yazicita. 15Nenxenye yamahlwempu abantu, nesisalela sabantu ababesele esixekweni, nabapongomi ababepongomele kuye ukumkani we‐Babilone, nesisalela sesihlwele, wabafudusa u‐Nebuzaradane inkosi yomlisela. 16Kodwa amahlwempu elizwe wawasalisa inxenye n‐Nebuzaradane inkosi yomlisela, abe ngabalimi bemiti yeveyine, nabaku̔beli.
17Kanjako intsika zexina ezibe zikuyo indlu kayehova, nezikondo, nolwandle lwexina olube lukuyo indlu kayehova, ama‐Kaledine aziqekeza, nayo yonke ixina yazo ayitutela e‐Babilone. 18Nembiza, nezikotululo, nezicimo, nezitya zokufefela, negxebeka, nazo zonke impahla zexina, ekube kukonzwa ngazo, azisusa. 19Nezikotile, nezipatamlilo, nezitya zokufefela, nembiza, nekandelare, negxebeka, nendebe, igolide yezo zegolide, nesilivere yezo zesilivere, yazisusa inkosi yomlisela. 20Intsika zombini, ulwandle lunye, nenkabi ezilishumi linambini zexina ezibe zipantsi kwalo, nezikondo, abete ukumkani u‐Solomone wazenzela indlu kayehova, ibingenakulinganiswa ixina yazo zonke ezimpahla. 21Nentsika ezo, ubupakamo benye intsika bebuzikubite ezilishumi linesibozo; kanjalo usinga lwekubite ezilishumi linambini beluyingqonga; nesibili sayo, ibiyiminwe mine; ibiliholoholo: 22nentloko pezu kwayo, yona ibiyixina; nobupakamo benye intloko, ibizikubite ezintlanu, inesetyenzwa elipanjanisiweyo, negranate pezu kwentloko ngokungqonga, zonke ziyixina: kanjalo eyesibini intsika negranate zibe zinjengazo ezi. 23Kwaye kuko igranate ezingamashumi alitoba anesitandatu ngasemoyeni; zonke igranate zibe zilikulu pezu kwesetyenzwa elipanjanisiweyo ngokungqonga.
24Yandula inkosi yomlisela yatabata u‐Seraya umperisite omkulu, no‐Tsefaniya umperisite wesibini, nabagcini bomnyango bobatatu: 25nakuso isixeko yatabata umbusi, lowo obeligosa pezu kwamadoda okulwa; namadoda asixe̔nxe kwabo babebona ubuso bokumkani, abefunyanwa esixekweni; nomba̔li wenkosi yomkosi, owahlanganisa abantu belizwe emfazweni; namadoda angamashumi matandatu kubo abantu belizwe, abefunyanwa pakati kwesixeko: 26aba wabatabata u‐Nebuzaradane inkosi yomlisela, wabazisa kuye ukumkani we‐Babilone e‐Ribela: 27waza ukumkani we‐Babilone wababeta, wababulala e‐Ribela elizweni le‐Hamati. Kwa njalo o‐Juda bafuduswa emhlabeni wabo.
28Ngaba abantu u‐Nebukanetsare wabafudusayo: ngomnyaka wesixe̔nxe ngama‐Juda angamawaka matatu anamashumi mabini anamatatu; 29ngomnyaka weshumi linesibozo ka‐Nebukanetsare wabafudusa e‐Yerusaleme abantu abangamakulu asibozo anamashumi matatu anababini; 30ngomnyaka wamashumi mabini anesitatu ka‐Nebukanetsare, u‐Nebuzaradane, inkosi yomlisela, wabafudusa kuma‐Juda abantu abangamakulu asixe̔nxe anamashumi mane anabahlanu: bonke abantu bebengamawaka mane anamakulu matandatu.
31KWAYE kute ngowamashumi matatu anesixe̔nxe umnyaka wokutinjwa kwake u‐Yoyakine ukumkani wo‐Juda, ngenyanga yeshumi elinesibini, ngowamashumi mabini anesihlanu umhla wenyanga, wati u‐Evili‐merodaki ukumkani we‐Babilone, ngomnyaka wokuqala wobukumkani bake, wapakamisa intloko ka‐Yoyakine ukumkani wo‐Juda, wamku̔pa entolongweni, 32wateta naye ngobuhlobo, wamisa isihlalo sake ngapezu kwesihlalo sokumkuni ababenaye e‐Babilone. 33Waza waguqula izivato zake zentolongo, wamana ukutya isonka ebusweni bake yonke imihla yokudla kwake ubomi. 34Nesabelwa sake sokutya, kwanikwa kuye isabelwa sokutya esifuti sivela kukumkani we‐Babilone, into yemini ngemini yayo, kwada kwangumhla wokufa kwake, yonke imihla yokudla kwake ubomi.

Currently Selected:

U‐Jeremiya 52: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena