U‐Jeremiya 30

30
1ILIZWI elezayo ku‐Jeremiya livela kuyehova, lisiti: 2Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Ziba̔lele onke amazwi endiwatetileyo kuwe encwadini. 3Ngokuba, bona ke, imihla isiza, utsho uyehova, nxa ndiya kubuyisa ukutinjwa kwabantu bam o‐Sirayeli no‐Juda, utsho uyehova; ndandiya kubabuyisela elizweni endalinikayo koyise babo, baze balifuye. 4Kekaloku ngawo la amazwi awatetileyo uyehova ngo‐Sirayeli nango‐Juda.
5Ngokuba esitsho uyehova ukuti: Ilizwi lokunkwantyisa silivile; kuko ulwoyiko, kungeko uxolo. 6Buzani ke, nibone, ukuba umntu oyindoda uyazala na? Kunganina ukuba ndibona amadoda onke enezandla zawo esinqeni sawo, njengomfazi oza kuzala, nokuba ubuso bonke buguqulwe baba bumhlope? 7Au! ngokuba lowamhla umkulu, kude kungabiko ofana nawo; lixesha lobunzima ku‐Yakobi, oya kusindiswa kulo noko.
8Ngokuba kuya kuti ngalowamhla, utsho uyehova wemikosi, ndiya kwapula iyokwe yake entanyeni yako, nezinxibo zako ndoziqaula; kanjalo abasemzini abayi kubuya bamkonzise. 9Koko baya kukonza uyehova, utixo wabo, no‐Davide ukumkani wabo, lowo ndiya kumvusela bona. 10Ngako wena, ungoyiki, sicaka sam Yakobi! utsho uyehova; ungetuswa, Sirayeli! ngokuba, bona ke, ndiya kukusindisa kwa kude, nenzalo yako elizweni lokutinjelwa kwako; waeya kubuya u‐Yakobi, abe nokupumla, onwabe, kungeko oya kumnkwantyisa. 11Ngokuba ndinawe mna, utsho uyehova, ukuba ndikusindise; nangona ndikwenza ukugqitywa kuzo zonke izizwe apo ndikute sa kona, andiyi kwenzela wena ukugqitywa noko; kodwa ndiya kukwohlwaya ngokufanelekileyo, ndingagqibeli ukukuyeka ungabi natyala.
12Ngokuba esitsho uyehova ukuti: Isapuko sako sesingenakupola, isibetwa sako sibuhlungu. 13Akuko otetelela indawo yako, kuze kubotshwe; amayeza okupolisa akako kuwe. 14Bonke abatandwa bako bakulibele, ababuzi ngawe; ngokuba ndikubetile ngesibeto sotshaba, ngesohlwayo sonobukali, ngenxa yobuninzi benkohlakalo yako, ngenxa yokuba izono zako zandile. 15Ukalela nina pezu kwesapuko sako? ubuhlungu bako bobungenakupiliswa: ngenxa yobuninzi benkohlakalo yako, ngenxa yokuba izono zako zandile, ndizenze ezizinto kuwe.
16Noko ke, bonke abakudlayo baya kudliwa, nazo zonke intshaba zako, kwa zona zonke, ziya kuya ekutinjweni; baye abo bakupangayo beya kuba yinto yokupangwa, nabo bakufacayo ndobanikela ekufacweni. 17Ngokuba ndiya kubuyisela ukupila kuwe, ndikupolisele amanxeba ako, utsho uyehova; ngokokuba bakubiza ngokuti uligxotwakazi, besiti: Yi‐Ziyone le, ekungeko obuzayo ngayo. 18Utsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiya kubuyisa ukutinjwa kwentente zika‐Yakobi, ndibe netaṙu pezu kwentlalo zake; isixeko siya kwakiwa pezu kweyaso imfumba, nendlukazi, iya kumiwa ngesiko layo. 19Kwakuya kupuma kuzo umbulelo, nelizwi labanemigcobo: ndiya kubandisa, abayi kuncitshiswa; ndandiya kubenza babekwe, abayi kudelwa. 20Abantwana babo nabo boba njengokwapambili, nentlanganiso yabo yomiswa pambi kwam; ndandiya kubohlwaya bonke abancinezeli babo. 21Kanjalo usongcwalisa wabo woba ngowakubo, nompati wabo uya kupuma kwa pakati kwabo; ndiya kumsondeza, waeya kuza kufupi kum: pofu ngubanina lo oyibambisileyo intliziyo yake ukuza kufupi kum? utsho uyehova. 22Naniya kuba ngabantu bam, ndoti mna ndibe ngutixo wenu. 23Bona ke, uqwitela lukayehova lupumile ngomsindo, uqwitela olukukulisayo; luyakujingajingiswa pezu kwentloko yabakohlakeleyo. 24Ingqumbo eshushu kayehova ayiyi kubuya, kude azenze, nakude azifeze izicingo zentliziyo yake: ngeyasemva imihla niya kuqonda oku.

Currently Selected:

U‐Jeremiya 30: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena