U‐Jeremiya 1

1
ISAHLUKO I.
1AMAZWI ka‐Jeremiya, unyana ka‐Hilikiya, owabaperisite abebese‐Hanatote elizweni lakwa‐Benjamine; 2okuye ilizwi likayehova lezayo emihleni ka‐Josiya unyana ka‐Amoni ukumkani we‐Juda, ngoweshumi linesitatu umnyaka wobukumkani bake: 3leza nasemihleni ka‐Yoyakime unyana ka‐Josiya ukumkani we‐Juda, kwada kwasekupeleni kwomnyaka weshumi elinamnye ka‐Zedekiya unyana ka‐Josiya ukumkani we‐Juda, kwada kwasekufudusweni kwe‐Yerusaleme ngenyanga yesihlanu.
4Kekaloku ilizwi likayehova leza kum lisiti: 5Ndingekakudali esiswini bendikwazi; kwa ungekapumi esizalweni ndakwahlula; ndakumisela ube ngumprofite ezizweni. 6Ndaza ndati: Au, Nkosi Yehova! bona ke, andikwazi ukuteta, ngokuba ndingumntwana. 7Kodwa uyehova wati kum: Ungatsho ukuti, ndingumntwana; ngokuba uya kuya kubo bonke endiya kukutuma kubo, nako konke endiya kukuyalela kona wokuteta. 8Ungoyiki ubuso babo; ngokuba ndinawe mna ukuba ndikukulule, utsho uyehova. 9Wandula uyehova wolula isandla sake, wacukumisa umlomo wam; wayesiti uyehova kum: Bona ke, ndiwabekile amazwi am emlonyeni wako. 10Kangela, ndikumisile namhla nje pezu kwezizwe, napezu kwezikumkani, ukuncotula, nokucita, nokutshabalalisa, nokuwisa, ukwaka nokutyala.
11Labuya leza kum ilizwi likayehova, lisiti: Ubona nto nina, Jeremiya? Ndati: Ndibona uswazi lwomti wesamonde. 12Waza uyehova wati kum: Ulungisile ukubona: ngokuba ndiya kulinda pezu kwelizwi lam ukulenza.
13Labuya leza kum ilizwi likayehova ngokwesibini, lisiti: Ubona nto nina? Ndati: Ndibona imbiza ebilayo; nobuso bayo busenode. 14Wayesiti uyehova kum: Kwa senode ilishwa liya kuvunjululelwa ngakubo bonke abemi belizwe. 15Ngokuba, bona ke, ndiya kubiza zonke izizalwane zobukumkani basenode, utsho uyehova; zaziya kuza, zibeke ezinye ngezinye iterone zazo emnyango wamasango e‐Yerusaleme, nangakuzo zonke indonga zayo ngento engqongayo, nangakuzo zonke izixeko zakwa‐Juda. 16Ndandiya kuteta imigwebo yam ngakubo, ngenxa yayo yonke inkohlakalo yabo; ngokokuba bendishiyile, nokuba bequ̔misele otixo bambi, nokuba bezitobile kuyo imisebenzi yezabo izandla.
17Wena, ngoko, ubinqe isinqe sako, usuke, utete kubo konke endiya kukuyalela kona: ungetuswa ngobuso babo, hleze ndikumatise pambi kwabo. 18Ngokuba, bona ke, ndikwenzile namhla isixeko esinqatyisiweyo, nentsika yesincete, nendonga zexina ngakulo lonke ilizwe; ngakubo okumkani be‐Juda, ngakuzo inkosana zayo, ngakubo abaprofite bayo, nangakubo abantu belizwe. 19Bangalwa nawe, koko bengayi kukweyisa; ngokuba ndinawe mna, utsho uyehova, ukuba ndikukulule.

Currently Selected:

U‐Jeremiya 1: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena