Abagwebi 2
2
1KWAZA kwenyuka ingelosi kayehova e‐Gilegale, yaya e‐Bokime, yati: Ndininyusile e‐Jipete, ndanizisa ezweni endibe ndifunga ngalo koyihlo benu, ndati: Andiyi kulwapula ucebano lwam nani kude kube ngunapakade; 2kanjalo nina aniyi kulwenza ucebano nabemi belilizwe; izibingelo zabo nozicita. Kodwa anipulapulanga ilizwi lam: yinina ukuba nikwenzile oku? 3Ngako ndibuye ndati: Andiyi kubagxota ebusweni benu; kodwa boba njengameva emacaleni enu, notixo babo boba ngumgibe kuni.
4Kwaye kute, nxa ingelosi kayehova ibitetile lamazwi kulo lwonke usapo luka‐Sirayeli, bandula abantu bapakamisa ilizwi labo, balila. 5Baza babiza igama lalondawo nge‐Bokime#2:5 Oko kukuti: Abalili., babingela kuyehova.
6KEKALOKU akuba u‐Yoshuwa ebendulule abantu, lwaya usapo luka‐Sirayeli olunye ngolunye elifeni lalo, ukuya kufuya ilizwe.
7Baza abantu bamkonza uyehova yonke imihla ka‐Yoshuwa, nayo yonke imihla yabadala ababesidla ubomi kade emva kwo‐Yoshuwa, ababebonile wonke umsebenzi omkulu kayehova, abewenzele o‐Sirayeli.
8Wada wafa u‐Yoshuwa, unyana ka‐Nune, isicaka sikayehova, eyiminyaka ilikulu lineshumi ubudala bake. 9Baza bamncw̔abela emdeni welifa lake e‐Timnate‐heresi, entabeni yakwa‐Frayime, ngecala lasenode lentaba ye‐Gahashe. 10Sada sonke esosizukulwana naso sabutelwa kubo oyise baso.
Kwaye kuvuka isizukulwana simbi emva kwabo, esibe singamazi uyehova, kwa nomsebenzi abewenzele o‐Sirayeli. 11Lwandula usapo luka‐Sirayeli lwenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, lwakonza o‐Bali: 12lwamshiya uyehova, utixo woyise balo, owalupumisa elizweni le‐Jipete, lwalandela otixo bambi, abakubo otixo babantu abalungqongayo, lwazitoba pambi kwabo, lwamqumbisa uyehova. 13Lwamshiya ke uyehova, lwakonza u‐Bali no‐Hashetorete.
14Yaza yavuta ingqumbo kayehova ngakubo o‐Sirayeli, owabanikela esandleni sabatimbi ababatimbayo, wabatengisa esandleni sentshaba zabo ezingqongayo, bada ababi senakuma ebusweni bentshaba zabo. 15Apo kusukuba bebepumela kona, isandla sikayehova besingakubo bube bububi, njengokuba uyehova ebetshilo, nanjengokuba uyehova ebefungile kubo; bada baxinezeka kakulu.
16Waza uyehova wavusa abagwebi, ababasindisayo esandleni sabatimbi babo. 17Kodwa abapulapula abagwebi babo noko, koko baṙexezela emva kwotixo bambi, bazitoba pambi kwabo: bapambuka kamsinya endleleni ababehamba ngayo oyise babo, bepulapula imiyalelo kayehova; kanti abenje njalo bona. 18Naxeshekweni uyehova wabavuselayo abagwebi, wandula uyehova wanaye umgwebi, wabasindisa esandleni sentshaba zabo yonke imihla yomgwebi: ngokuba uyehova ebenosizi ngako ukutswina kwabo ngenxa yabancinezeli babo nababandezeli babo.
19Kwaza kwati, akufa umgwebi, babuya bazonakalisa ngapezu kwoyise babo, ngokulandela otixo bambi, ukubakonza, nokuzitoba pambi kwabo; bebengayeki ezabo izenzo neyabo indlela elukuni.
20Ngako ingqumbo kayehova yavuta ngakubo o‐Sirayeli; wayesiti: Ngokokuba ababantu belugqitile ucebano lwam endabayalela oyise babo ngalo, nokuba bengapulapulanga ilizwi lam; 21kwa nam andiyi kwalekela ukugqogqa namnye umntu ebusweni babo, kwezontlanga wabezishiya u‐Yoshuwa nxa wabubayo: 22ukuze ndibalinge ngazo o‐Sirayeli, ukuba baya kugcina indlela kayehova ukuhamba ngayo, njengokuba oyise babo bebeyigcina, nokuba abayi kuyigcina kusinina. 23Ngako uyehova wasalisa intlanga ezi, engazigqogqi kamsinya; wabengazinikelanga esandleni sika‐Yoshuwa kanjako.
Currently Selected:
Abagwebi 2: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.